UTete uqinisekile ngokuphumelela iWorld Super Series

Imbethi manqindi yaseMdantsane, uZolani Tete, yenye yeembethi-manqindi eziza kulwa kwitumente enkulu ekuthiwa yiWorld Super Series.

Le tumente iqala ngeyoMsintsi. Indoda ephumeleleyo kulindeleke ukuba igoduke nentywenka yemali esondele kwizigidi ezilishumi zeerandi. Asibhozo amadoda aza kuthatha inxaxheba kwimilo ekudidi lwentambanani.

UTete (30) kulindeleke ukuba axhimfane noMikhail Aloyan kumlo ophambi kowandulela amagqibela kankqoyi. Le ntshatsheli yeWBO kwihlabathi ithi izimisele ukuyiphumelela itumente. “Kudala ndiyilungiselela imilo ngoba kudala kuthethwa ngayo. Ndizimisele ukuphumelela ngoba likhulu ibhaso lendoda ephumeleleyo,” utshilo uTete.

Ephefumla ngesitshingitshane esiletsheza okombane, uNaoya Inoue, ekulindelwe lukhulu kuso kule tumente, okaTete uthethe wenjeje. “Ndiqinisekile ngokuya kumdlalo wamagqibela, naye funeka aqiniseke ukuba uyaya. Ndinqwenela ukulwa naye kumdlalo wamagqibela kankqoyi. Ndiqinisekile ngempumelelo kule tumente,” uTete utshilo.

UManejala kaTete, uMnu. Thengimfene, uyichaze njengomntu ongumzekelo imbethimanqindi yakhe.

“Ngumzekelo kuzo zonke iimbethimanqindi esinazo ebuhlantini bethu uZolani. Kudala eqalile ngamalungiselelo weSuper Series nangona iqala kweyoMsintsi,” utshilo.

IWorld Super Series iqala kweyoMsintsi iyokuqhina kwekaCanzibe ngo2019.

Asibhozo amadoda aza kungquzulana; ebethiweyo iphuma igoduke. Eminye imilo iquka okaNaoya Inoue noJuan Carlos Payano waseDomican Republic. URyan Burnett waseUnited Kingdom uza kuxhimfana noNonito Donaire wasePhilipine.

Umlo wokugqibela uphakathi kukaEmmanuel Rodriguez wasePuerto Rico noJason Maloney waseAustralia.

UTete uphumelele imilo engama27, ebethwe kwimilo emithathu kuphela, kwimilo engamashumi amathathu ayilwileyo njengembethimanqindi ehlawulwayo.

UMikhail Aloyan uyiphumelele yomine eyakhe imilo.