UTete uthi ukuzimisela kubalulekile!

Zolani Tete

Intshatsheli yeWBO, uZolani Tete, inethuba lokuphumelela amawonga aphambili kumsitho weembasa zamanqindi ozakube useBoardwalk, eBhayi, ngomhla wesibini kwinyanga ezayo.

UTete, 30, uchongwe kwiwonga lembethi-manqindi ebalaseleyo ngo-2017 kwaye ukholelwa ukuba ukusebenza nzima kuko okubangele achongelwe kula mawonga.

“Kundichulumancisile ukuba kuluhlu lwamadoda asethubeni lokuphumelela la mawonga. Ndicinga ukuba ukusebenza ngokuzimisela kuko okusibeke kule ndawo sonke sizimbethi manqindi,” litshilo eli nxele elinguchwephesha waseMdantsane.

Le ndedeba yalalisa ngophotho ngophanyazo uSiboniso Gonya kumlo wayo wokugqibela ekupheleni kuka-2017, ithi akungeke kuyothuse ukungaphumeleli kula mawonga ngoba iyancomeka imisebenzi yamadoda ekhuphisana nawo.

“Zonke ezi mbethi-manqindi ezichongiweyo zenza umsebenzi oncomekayo. Nabani na unethuba elihle lokuwaphumelela. Soze indothuse into yokungaphumeleli,” utshilo uTete.

UTete, uchongwe kwiwonga lokuba yimbethi-manqindi yonyaka emadodeni, ukhuphisana noThulani Mbenge – oyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lweWelterweight, * -Azinga Fuzile oyintshatsheli yodidi lwesiba noKevin Lerena oyintshatsheli yehlabathi (IBO) kudidi lweCruiserweight.

Kumlo wakhe no-Arthur Villanuela wasePhilipine uzakukhuphisana noGideon Buthelezi owayefinyisana no-Angel Aviles kunye nomlo kaMpho Seforo – apho wayesilwa khona noThabang Ramagole kukhuphiswano lowona mlo obalaseleyo ngo-2017.

UTete ulungiselela umlo wokukhusela intshinga yakhe yehlabathi negqala lase-Argentina, * -Omar Narvaez, kwinyanga kaTshazimpuzi.

Lo mpondo zihlanjiwe wembethi manqindi unemilo engamashumi amabini anethoba, uphumelele yangamashumi amabini anesithandathu, wabethwa kwemithathu kuphela.

Umsitho wokuwonga iimbethi manqindi nabanye abantu, uzakusingathwa lisebe lezemidlalo, iBSA neSABC ngokubambisana okokuqala eMpuma Koloni.

Amawonga ohlulwe ngolu hlobo:

Male Boxer of the Year: Zolani Tete, Thulani Mbenge, Azinga Fuzile, Kevin Lerena

Female Boxer of the Year: Prudends Mapule Ngubane, Bukiwe Nonina, Noni Tenge.

Male Fight of the Year: Gideon Buthelezi vs Angel Aviles; Mpho Seforo vs Thabang Ramagole; Zolani Tete vs Arthur Villanuela

Female Fight of the Year: Unathi Myekeni vs Asandiswa Nxokwana; Noni Tenge vs Prudends Mapule Ngubane; Simangele Hadebe vs Ellen Simwaka

Male Prospect of the Year: Lunga Stemela, Sikho Nqothole, Ayanda Nkosi

Female Prospect of the Year: Simangele Hadebe, Xoliswa Jonas, Bonita van Jaarsveld

Matchmaker of the Year: Abbey Mnisi, Luyanda Kana, Rueben Rasoli

Journalist of the Year: Christo Smith, Sthembiso Ngqezana, James Gradidge

Female Ring Official of the Year: Sylvia Mokaila, Namhla Tyuluba, Pumeza Zinakile

Male Ring Official of the Year: Ben Ncapai, Deon Dwarte, Lulama Mtya, Allen Matakane

Most Promising Ring Official of the Year: Mandisi Mkile, Clifford Mbhelu, Sipho Ndongeni

Knock-out of the Year: Lebogang Pilane vs Sihle Jelwana; Phila Mpontshane vs Lucky Monyebane; Lerato Dlamini vs Sinethemba Bam

Trainer of the Year: Sean Smith, Colin Nathan, Alan Toweel, Monelisi Myekeni

Promoter of the Year: Lebo Mahoko (Dream Team Promotions); Ayanda Matiti (Xaba Promotions & Events); Steve Kalakoda (Kalakoda Promotions)

Most Promising Promoter of the Year: Sandile Xaka (Supreme Boxing Promotions); Meme Dipheko (Team Dida); Shereen Hunter (Unleashed – Combat Sport Events)

Manager of the Year: Sihle Mnguni, Mlandeli Tengimfene, Lucky Ramagole