UTete uthi uza kumwisa uCasimero ngoMgqibelo

UZolani Tete uza kuxhimfana noJohn Riel Casimero emlweni oza kube useNgilane ngoMgqibelo.

Intshatsheli yeWBO kwihlabathi kudidi lweNtambanani, uZolani Tete, ithi iqinisekile ukuba iza kumbetha uJohn Riel Casimero.

Ezi mbethimanqindi zimbini ziza kungquzulana eBirmingam, eNgilane, ngokuhlwa ngoMgqibelo.

UTete uthi uzithembile kwaye uqinisekise abalandeli bakhe okokuba uza kuphuma esayixwayile intshinga yakhe emva kwalo mlo.

“Ndiqinisekile ukuba ndiza kuyikhusela intshinga yam. Indlela endizilungiselele ngayo nabaqeqeshi bam ibikwelinye izinga. Ndiza kumbetha uCasimero. Ndiza kumngqengqisa ngophotho,” utshilo uTete.

UCasimero yinzalelwane yasePhilipine, uyimbethimanqindi eyingozi.

Kwiimbethimanqindi ezingamashumi amabini anesibhozo azibethileyo, ezilishumi elinesithoba uziwisile.

Nangona eqinisekile ngempumelelo, uTete uthi soze ayenze impazamo yokumdelela uCasimero. “Ndiyamazi unobungozi kakhulu. Iimbethimanqindi ezininzi uziwisile.

Ngeke ndenze impazamo yokumdelela tu,” utshilo uTete ontingele emaNgesini kwiveki ephelileyo.

UTete uthi iphupha lakhe kukufumana umlo wokudibanisa iintshinga nentshatsheli yeWorld Super Series, uNaoya Inoue.

“Iphupha lam kukuxwaya zonke iintshinga zodidi lweNtambanani. Emva kokubetha uCasimero ndiza kujonga kuNaoya.

Ndifuna ukwenza imbali ngokuthi ndibe yimbethimanqindi yokuqala kweli lizwe exwaye zonke iintshinga zehlabathi,” utshilo uTete.

UTete ugqibele kunyaka ophelileyo kweyeDwarha ukukhwela eqongeni ngenxa yokonzakala.

Nangona kunjalo, ubaqinisekisile abalandeli bakhe ukuba ayizukuyiphazamisa indlela adlala ngayo lo nto.

“Ukugqibela kwam kudala ukulwa ngeke kube nefuthe kumlo wangempelaveki.

Ebemahle amalungiselelo. Negxalaba lam liphilile,” utshilo uTete.

Umqeqeshi kaTete, uLoyiso Mtya, uthi uza kufika bemlindele ngandlela zonke uCasimero. “Siwulungele umlo. Amalungiselelo wethu abe mahle,” utshilo uMtya.