UTete utyhafiswe nguKayamba ongagqibanga nomzuzu emlweni obuseGauteng

Zolani Tete.

Imbethimanqindi yaseMonti, uZolani Tete, iphinde yenza imbali kwakhona ngethuba iphelisa umlo kungaphelanga nomzuzu into engafane yenzeke emanqindini. UTete wongamele imbethimanqindi yaseTanzania egama lingu-Iddi Kayamba ngemvula yamanqindi wayiwisa phantsi watsho waphela umlo. Bekusadlalwe ixeshana elingamashumi amahlanu anesihlanu emizuzwana (55 seconds) emlweni wejunior featherweight obubekelwe imijikelo elishumi eBooysens Boxing Gym, eGoli, ngempelaveki egqithileyo.

UKayamba, 23, obezigxamile kuTete obekade eyintshatsheli ye-IBF junior bantamweight neWBO bantamweight, khange akwazi nokuphosa ingqindi elinye. Bekucace gca ukuba uTete, onethuba elikwiminyaka emibini engalwi, ukuba ebekulambele ukuphumelela umlo. Kodwa ngaphezulu koko, uTete yimbethimanqindi enamava kakhulu kunoKayamba osazama ukuzenzela igama emanqindini wehlabathi. Ukubetha kwakhe uTete yinto ebiza kuyifunqulela phezulu kakhulu indodana yaseTanzania. Nangona ezamkele iziphumo zomdlalo – kodwa uTete uphoxekile kukuwa kwangako kwendoda ebedlala nayo eGoli.

“Kumnandi ukulwela ekhaya kwakhona emva kweminyaka emithandathu yonke. Nangona umlo ungathathanga ixesha elide – kodwa bendizimisele ukubonisa abantu isakhono sam emanqindini. Le ndoda bendisilwa nayo ayikwazanga ukuwanyamezela amanqindi wam. Ndinethemba lokuba indoda endiza kulwa nayo (ekuqaleni konyaka ozayo) iya kwenze bhetele kakhulu,” utshilo uTete emva komdlalo. “Bendicinga ukuba uza kulwa futhi andinyanzele ukuba ndikhuphe onke amandla endinawo ngoba uze apha (eMzantsi Afrika) esazi ukuba uze kuTete. Kodwa ke ekugqibeleni ndiphumelele,” utshilo uTete. Njengembethimanqindi enethuba elide ibetha inqindi, uTtete wamkelwe ngovuyo ngabalandeli bamanqindi abagqibela kudala ukumbukela esilwa ekhaya.