UTete uzimisele ukunqandwa ziinkwenkwezi

UZolani Tete eme emva komama wakhe; bexhangwe zizihlobo negqiza lakhe xeshikweni efika eMonti

Nangona uZolani ‘Last-born’ Tete esenemincili emva kokuphumelela intshinga yehlabathi kwintambanani kwiveki ephelileyo – kodwa kuyanyanzela akhawuleze ayiphose ngemva lo nto ngoba ukhona umlo obalulekileyo ozayo.

UTete wamkelwe ngovuyo ngabalandeli bamanqindi eMonti ngokuhlwa kwangoLwesibini, kumsitho obuzinyaswe nguMphathiswa weZemidlalo, iNkcubeko noLonwabo, uPemmy Majonina emva kokuzuza into ekudala eyilangazelela – intshinga yehlabathi kwintambanani.

Lo kaTete, 29, uqhekeze * -Arthur Villenueva wasePhilippines odume ngokulalisa amadoda ngophotho kumlo wabo obubanjelwe eLeicester Arena kwilizwe laseNgilane.

Emva kweeveki eziliqela ephekwa esophulwa phantsi kweliso elibukhali lamakhangala afana noLoyiso Mtya noTa’Mla Tengimfene – uLast Born uyindoda phakathi kwamanye amadoda ngoku, kwaye uqhayisa ngeetayitile ezine phantsi kwegama lakhe, kanti ukwayimbethi manqindi yokuqala ukubamba intshinga yeWBO.

Yonke lo nto yenzeke ngenxa yokusebenza ngokuzimisela nokuhlonela izinto ebezixelelwa ngabaphathi bakhe.

UTengimfene uyitshaye isaqhuma ngokuthi afumane umlo wale ndedeba kwamsinyane. Lo mlo ozakuba kwezi nyanga zimbini zizayo sisiqalo sikaLast born emva kwale mpumelelo ayizuzileyo sokuqokelela amanye amabhanti.

Ukukhawuleza kukaTete kuhambela nomnqweno wakhe wokukhula ngakumbi kwikhono lakhe. Ngethuba ethetha nabalandeli bamanqindi eholweni loluntu, le mbethi manqindi ibonakalise uvuyo emva kokubetha uVillenueva – enye yeembethi manqindi ekunzima kakhulu ukuzoyisa kwihlabathi.

“UVillenueva ngendimwisile kwangoko; qha ndimbonile ukuba ukrelekrele. Akekho lula ngohlobo abonakala ngalo – kodwa ndiqinisekise ukuba uyabhatala kumjikelo ngamnye. Kwimilo enjeya awuyi nje kuyo, kufuneka uhlabe ukhangele xa amandla wendoda ungawazi ukuba angakanani. Ndanditshilo ukuba ndizakuba yiyo intshatsheli yehlabathi. Kodwa ke ngoku kufuneka ndiqokelele la mabhanti. Umnqweno wam kukubona zonke iimbethi manqindi zibonakala phaya kumabonakude,” utshilo uTete ngethuba esenza intetho yombulelo.