UTete wenze adume ngazo eLiverpool

Imbethi manqindi yalapha eMzantsi Afrika uZolani “LastBorn” Tete uphumelele kwakhona ngokuhlwa kwangoMgqibelo kwelamaNgesi kwiholo iEcho Arena, eLiverpool.

UTete ubethe umceli mngeni waseMexico uVictor Ruiz, eyikhusela ngempumelelo intshinga yakhe yeIBF International kudidi leBantamweight.

Ibikumjikelo wesixhenxe apho usompempe athe wafikelela kwisigqibo sokuwuphulisa lo mlo emva kokuba uRuiz ebephantsi koxinizelelo olumandla, engenazimpendulo kwimvula yamanqindi ebesuka kuTete.

UTete uwulawule ukusukela kumjikelo wokuqala lo mlo de wapheliswa, esebenzisa ubude bakhe kwakunye nesakhono sakhe, embetha kabuhlungu uRuiz.

Ethetha emva kwalo mlo uTete uthe: “Ndifuna ukuthatha eli thuba ndibulele uThixo ngokundinika umonde namandla okuphumelela eli dabi, bekungekho lula. Ndifuna ukubulela abathandi nabalandeli bam ngokundibeka emithandazweni nangokubeka ithemba labo kum ukuza kulo mlo. Imiyalezo yabo yiyo endikhuthazileyo ukuza kulo mlo, inkulu indima abayidlalileyo. Ndibulela ngokungazenzisiyo kumqeqeshi wam oyintloko uLulama “Bra Loyz” Mtya, uTata wam ngokuqiniseka ukuba ndiwulungele lo mlo, ngabo ebebendipheka bendophula kuqeqesho namalungiselo alo mlo. Abaxhasi bam iTyeks Security, NEBAVEST, Urban Warrior, AMPT kwakunye neLastBorn Promotions kwakunye nomanejala wam uMlamli Thengimfene.”

Umququzeleli kaTete phesheya uFrank Warren uyavuya kwaye uphawule ukuba unyana wakhe uGeorge Warren ukwiingxoxo nomanejala wentshatsheli yehlabathi kumbutho we-International Boxing Federation (IBF) uChris Sanigar ukuba uTete acele umgeni kuLee Haskins kungentsuku zatywala.

Kumlo omkhulu wosuku intshatheli yehlabathi kwiWBO kudidi lweJunior middleweight uLiam Smith ukhusele intshinga yakhe ngokubetha uPredrag Radosevic kumjikelo wesibini.