Ifake amanqaku amathathu engxoweni iChippa United emva kokuphumelela umdlalo wokuvula isizini. Oku kwenzeke emva kokuba iChippa United ibethe iMarumo Gallants ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weMultiChoice Diski Challenge obumhle eBuffalo City Stadium ngentsasa yanamhlanje. Omabini amaqela adlale ngongukhulu ukuzimisela ebaleni futhi omabini ebedlalela ukuphumelela umdlalo. Ngabadlali beChippa abathembisileyo ekuqaleni komdlalo kwisigaba sokuqala.
Umdlalo ubunzima ngoba bekukho umoya omkhulu obuyityhala ngamandla ibhola ebaleni. Ebekhona amathuba emdlalweni – kodwa iChippa United ayikwazanga ukuyisebenzisa intaphane yawo evele kwisigaba sokuqala. Kodwa kuthe phambi kokuba kuyiwe kwixesha lokuphumla, uAphelele Teto ubhakuzelise umnatha ngebhola entle kakhulu ebibekwe phantsi kude kufuphi kumhlaba kanozinti weMarumo Gallants. Igowuli livele kulithuba elide iChippa izama ukugqobhoza.
Abadlali beMarumo bangene kwisigaba sesibini bephantsi koxinizelelo ngoba bebehamba emva kwiChippa ebiphala phambili. Enenezi izamile ngoba ihlasele bhetele kwisigaba sesibini. Umdlalo wayo ubumhle – kodwa into engakwazanga ukuyenza kusebenzisa amathuba phambi kweepali zeChippa United. Phakathi emdlalweni, iChippa ifumene igowuli layo lesibini ngonyawo lomdlali ongene kwisigaba sesibini somdlalo. Umdlalo uphele ingabhaqanga nto iMarumo Gallants.
Umqeqeshi weChippa United, uCarlos Matshamba, ubancomile abadlali bakhe emva kokuphumelela umdlalo wokuqala emva kweentsuku ezimbini kuphela beziqeqesha bebonke. Iqela elidlala kwiDisksi Challenge lifudele eMonti emva kokuba iPSL ingakholwanga ngumgangatho weWolfson Stadium, eGqeberha, apho ibikade idlalela khona. “Mandibulele abadlali noogxa bam ngokusebenza kakuhle namhlanje. Sizimisele ukuthatha umdlalo omnye ngexesha. Kwiveki ezayo siya kwiChiefs,” utshilo uMatshamba.
Izimvo zabafundi ngokuyalwa komtshakazi