Umdlali wasemva obedlalela i-University of Pretoria, uThabo Mosadi, ngoku unekhaya elitsha emva kokuthotyelwa kweqela ebelidlalela kwizisini edlulileyo.
Iqela eliphambili eNtshona Koloni, i-Ajax Cape Town, lifumene lo mdlali ngenjongo yokuqinisa udonga phaya emva phambi kwesizini entsha yePremier Soccer League ka’2016/17.
Lo mdlali, uneminyaka engamashumi amabini anesihlanu, ngomnye wabadlali abadlale umdlalo ophucukileyo kwezi sizini zidlulileyo kwi-University of Pretoria, kwaye ukufunwa ngapha nangapha ngamaqela adlala kwiPSL akothusanga.
“Oku kukwazisa ukuba uThabo Mosadi ngumdlali opheleleyo we-Ajax Cape Town emva kovavanyo lwempilo,” itshilo i-Ajax kwingxelo eyikhuphe kwikhasi lomnatha.
Kwelinye icala i-Ajax ithengisele iqela laseNgilane elidlala kwi-English Premier League, iReading Football Club, unozinti wayo * -Anssi Jaakkola ekuqaleni kwale veki.
UJaakkola uya eNgilane emva kokudlala indina ebonakalayo kwezi sizini zintathu zidlulileyo. Ibonakale ngakumbi indima yakhe phantsi kukaRoger De Sa ngethuba ii-Urban Warriors ziphumelela indebe yeMTN 8 kunyaka ophelileyo eNelson Mandela Bay Stadium, apho zabetha khona iKaizer Chiefs.
Imali eyifumeneyo i-Ajax ngalo nozinti ayichazwanga kodwa kukholelwa ukuba intle. Iqela likaJaakkola elitsha, iReading Football Club, lingqinile ukuba lo mdlali ngowalo, kwaye utyikitye isivumelwano seminyaka emibini.
Ukuhamba kweli xhadi leAjax kufika ngexesha elibi lokukhula kokhuphiswano emva kokufika kweqela elitsha iCape Town City elawulwa nguJohn Comitis ewayefudula eyintloko kwi-Ajax. Nangona ifumene indebe i-Ajax kwisizini ephelileyo, indawo evale isizini ayincumisi.
Izimvo zabafundi ngokuyalwa komtshakazi