UThabo Rakhale uzichithile iintente emva kokuphela kwexesha lakhe eBhayi

Thabo Rakhale of Chippa United during the Absa Premiership 2019/20 football match between Chippa United and Orlando Pirates at Nelson Mandela Bay Stadium Port Elizabeth on 01 February 2020 ©Deryck Foster/BackpagePix

Emva
kokuphela kwexesha lesivumelwano sakhe sengqesho, uThabo Rakhale uzichithile
iintente eBhayi. Bekulindeleke ukuba uRakhale ahambe ekupheleni kwesizini –
kodwa ngenxa yeKhovithi-19 ebangele ulibaziseko, kuye kwanyanzeleka iChippa
United imkhulule ngoba bekufike ixesha lokuhamba kwakhe. Le ndedeba,
eyayidlalela i-Orlando Pirates phambi kokuya kwayo kwiChippa, zange ivume
ukuhlala kuyo ngoba (iChippa) zange ikwazi ukusamkela isicelo sayo somvuzo omtsha
othe chatha. Kwezi nyanga zidlulileyo, bekukho amahum-hum athi uRakhale ufunwa
yiKaizer Chiefs. Akukacaci kakuhle elona qela aza kuphela esiya kulo ngoba
iChiefs yile ingekavunyelwa ukuba ithenge abadlali abatsha emva kokohlwaywa
kwayo yiFifa eyathi zange imbhalise kakuhle umdlali waseMadagascar kwiminyaka
egqithileyo. Kwiveki ephelileyo, iChippa ibhengeze ukuhamba komqeqeshi wayo
obelibambela – uRhulani Mokwena. Uphindele kwiPirates eyayibolekise ngaye
ekuqaleni kwalo nyaka emva kokuqasha kwayo uJosef Zinnbauer endaweni yakhe.

Naye
uRhulani uye wahamba kuba kuphele ixesha lesivumelwano – kodwa asichazwanga
isizathu esibangele angagcinwa kude kusongwe isizini ekulindeleke igqityezelwe
ekupheleni kwenyanga yeKhala okanye ekuqaleni kwenya ezayo. UMbuyiselo Sambu
unikwe uxanduva lokubambela logama engekabikho omnye umqeqeshi. Namhlanje
iChippa ithe umqeqeshi omtsha angabhengezwa nokuba kunini. Into ebambuleyo
kukuba akekho lapha eMzantsi Afrika. Kukho iingxelo ezithi umqeqeshi ozayo inganguBenni
McCarthy – obefudula eqeqesha iCape
Town City

kwiminyaka emibini egqithileyo. UDan Malesela ngomnye umqeqeshi obekukhe
kwavakala into ethi unawo umdla wokubuyela eBhayi ukuba umnikazi weqela
uyamfuna. Kwelinye icala, iChippa ibhengeze igama likaMnu. Morgan Mammila
njengomanejala omtsha. Ubuyela kwiChippa okwesibini, wemka kuqala emva
kweengxelo ezathi wayengaboni ngasonye noClinton Larsen owaye ngumqeqeshi
weqela ngoko. “Iqela belimdinga umntu onamava kwezolawulo njengaye,” utshilo
uLukhanyo Mzinzi izolo.