UThabo Rakhale wonzakalise Amakhosi emdlalweni obuseGaberone!

Amakhosi ayophisa emva kokubethwa yiTownship Rollers emdlalweni wanamhlanje. Umfanekiso: KC

Njengokuba kuphethwa amalungiselelo ngamaqela ohlukeneyo adlala kwiDStv Premiership, abalandeli baMakhosi baya kwenye isizini bengaqinisekanga kwakhona ngeqela labo emva kokubethwa kwalo emidlalweni emibini ilandelelana. Kwiveki ephelileyo, iKaizer Chiefs ibethwe ngo’1-0 yiYoung Africans phambi kwamashumi amathandathu abalandeli eDar es Salaam, eTanzania, emdlalweni wobuhlobo kwiveki ephelileyo. Namhlanje iChiefs ibuyela ekhaya yonzakele emva kokubethwa yiTownship Rollers ngo’1-0 emdlalweni wokucweya obushushu eNational Stadium, eGaberone, eBotswana namhlanje emalanga.

Nakubeni umdlalo ibingowobuhlobo – kodwa iTownship Rollers iwuthathe njengomdlalo obalulekileyo kuyo ngoba anqabile amathuba okufumana iChiefs kwilizwe elifana neBotswana. UMolefi Ntseki uqale ngabadlali abangena mva eTanzania. Abo badlali baquka uBradon Petersen ezipalini, uSithebe, uMahlatsi, ooNgcobo bobabini noShabalala. Isiqingatha sokuqala besisihle kakhulu. Omabini amaqela adlale ibhola exheshana. Okuye kwahluka kancinci emdlalweni weChiefs namhlanje kukuba ikwazi ukudala amathuba futhi yazama nokukhabela ezipalini.

Noxa iibhola zayo zingayonzakalisanga iChiefs – iibhola zeqela laseBotswana beziyingozi kakhulu. Sisongwe isigaba sokuqala kungekho nto ebhodini nakubeni amathuba ebekhona. Kwisigaba sesibini, amaqela athathe apho ayeke khona kwisigaba sokuqala. Awunyusile umxakatho, ngoba umdlalo ububaleka kodwa ubudinga into enye: igowuli ukuze ube kwelinye izinga. Ukuya kwisigaba sesibini kungekho gowuli kuyinike amandla iTownship Rollers ngoba izibone inethuba lokuncumisa amashumi amabini anesibini amawaka abantu abe bezimase umdlalo eNational Stadium.

Umqeqeshi weTownship Rollers wenze iinguqu eziliqela kwisigaba sesibini. Injongo yakhe ibikukufaka abadlali abanokuthi babeke uxinizelelo kubadlali beChiefs abadlala emva. Naye uNtseki ufake abadlali abafana noKwinika emva, uSolomons, uMashiane, uRadebe, uDu Preez noDuba. Kubekho ukukhawuleza kokuhamba kwebhola – kodwa ingxaki ibiphaya xa kufuneka kufakwe igowuli. UThabo Rakhale, walapha eMzantsi Afrika, wophule iintliziyo zeChiefs ngokufaka igowuli ekube kuphela kwalo emdlalweni emva kokungena kwisigaba sesibini somdlalo.

Nakubeni kukho umqeqeshi omtsha nabadlali abatsha – kodwa ingxaki yeChiefs yokungakwazi ukufaka amagowuli isahleli. Yeyona nto eza kukhathaza abalandeli njengokuba Amakhosi eza kudibana neChippa United emdlalweni wesizini entsha eMoses Mabhida Stadium emalanga ngeCawe. Kodwa zikhona iingxelo ezithi Amakhosi afuna uGabadinho Mhango odlalela AmaZulu. Okucacileyo kukuba AmaZulu angamthengisa, ithi lo nto icekwa likwiChiefs ekhangela abadlali abanokuyinceda ifake amagowuli ngcono.