Emva kwesithuba esingaphaya kweminyaka emibini ekhekho, uThabo Senong ubuyele ebholeni yaseMzantsi Afrika kwiveki ephelileyo ngokusesikweni. Oku kwenzeke emva kokuba uSenong echongwe njengesekelamqeqeshi yiSekhukhune United. USenong wayeqeqesha iqela lesizwe labadlali abasakhulayo (SA Under-20) phambi kokuba lisekela likaStuart Baxter ngethuba kusiyiwa kwituemnte ye-Afrika (2019 African Cup of Nation). Ubuyela eMzantsi Afrika okaSeneng emva kokuba ngumqeqeshi welizwe laseLesotho ixeshana. Usihlalo weSekhukhune United, uMnu. Simon Malatji, uthe uqinisekile ukuba uSenong uza kusebenzisana kakuhle nabaqeqeshi afikele kubo kwiqela lakhe elitsha.
“Mandithathe eli thuba ndamkele uMnu. Senong kwiqela lethu. Siyayazi indlela asebenza ngayo. Sinethemba lokuba uza kusebenzisana kakuhle nabanye abaqeqeshi njengokuba sizama ukwakha iqela elomeleleyo phambi kokuqala kwesizini,” utshilo uMnu. Malatji. Nangona kungekabikho ilizwi elitsolileyo kwiPSL, iSekhukhune United iza kudlala kwiDStv Premiership kwisizini ezayo. Inyuselwe emva kokuvala isizini yeGladAfrica Championship. Kusahanjwa ezinkundleni ngalo nto yiRoyal AM ethi yiyo efanelwe kukunyuselwa ngoba isizini isongwe iyiyo ehleli enkcochoyini yeGladAfrica. Ngomhla wokugqibela wesizini, iPSL zange iyikhuphe indebe ngoba iSekhukhune yayifuna kufakwe amanqaku wayo ukuze ibe yiyo kwindawo yokuqala.
Le ngxaki yavela emveni kokugwetywa kwePolokwane City eyophula umthetho idlala neSekhukhune. Ikomithi yeembambano yoxutha amanqaku kwiPolokwane yawanika iSekhukhune emva kokufakwa kwesimangalo. Into embi eyenzewa yiPSL kukuba zange isihloniphe eso sigwebo ngokuthi iyinike iSekhukhune loo manqaku kwade kwangumzuzu wokugqibela. Yiyo lo nto iRoyal AM yabhenela enkundleni eye ayaphumelela kuyo. Yalile nokuthatha inxaxheba emidlalweni yokuxabangela (PlayOffs) – kodwa akukacaci kakuhle ukuba iPSL iza kuthini ngayo.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika