Ifolosi yeSuperSport
United, uThamsanqa “Gandaganda” Gabuza, wothuse umqeqeshi noogxa bakhe ngethuba
ebazisa okokuba utshatyelwe ngumntana wakhe. Amatsatsantsa a Pitori aphumelele
indebe yeMTN 8 okwesithathu emva kokuba ebethe
ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni obubanjelwe e-Orlando Stadium
ngorhatya izolo. UGandaganda, ofike wenza iziqwenga ePitoli emva
kokungadlaliswa ngenxa yabalandeli abebengamfuni kwi-Orlando Pirates, ube
negalelo kwigowuli elifakwe nguBradley Grobler ngentloko kwisigaba sokuqala
emva kokunikelwa ibhola elungisiweyo nguTeboho Mokoena. Ekupheleni komdlalo,
uThamsanqa Gabuza uye wachongwa njengomdlali oqaqambileyo emdlalweni wayizolo.
Emva koko,
uGabuza uxelele iqela lakhe iindaba ezimbi ezingokusweleka konyana wakhe
ekuqaleni kweveki oye wangcwatywa ngoLwesine. Ingxelo ithi uGabuza khange
ayithethe mntwini lo nto futhi akayanga nasemngcwabeni ngoba ebengafuni
ukuphazamisa amalungiselelo weqela lakhe. Noxa imothusile lo nto, uKaitano
Tembo uye wayincoma into eyenziwe yifolosi yakhe. “Ndiyiva ngoku emva komdlalo.
UGabuza khange ayiphathe kuthi sonke. Yinto ebengayilindelanga, nam yinto
endingakhange ndithi makayenze. Wenze lo nto kuba ehlonipha iqela lonke.
Uswelekelwe ngunyana wakhe ngoMvulo – kodwa akaxelelanga mntu. Uye wangcwatywa
ngoLwesine angayanga kuwo. Akafunanga ukuliphazamisa iqela ngeendaba ezimbi,”
utshilo uTembo emva komdlalo wayizolo eSoweto.
Yinto eye
ayamphatha kakuhle umqeqeshi kodwa ebenganakuyinceda ngoba ibiseyidlulile. “Ndibona
umntu ozibopheleleyo apha kuGabuza. Umntu okungafundwa kuye ngabanye abadlali.
Noxa bekukubi – kodwa udlale wade wangumdlali ogqwesileyo emdlalweni. Le yeyona
nto imbi kwaye iyandikhathaza. Ndiyayibulela kuye – kodwa ndikhathazekile
kwangaxeshanye,” uvale ngaloo mazwi uTembo izolo.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo