UThamsanqa Sangweni liBhakaniya elinkone ngoku!

Ukapteni we-Orlando Pirates, u-Oupa Manyisa, noThamsanqa Sangweni esengumdlali weChippa United. Umfanekiso: BackpagePix

  
Umdlali siswini obekade edlalela iChippa United, uThamsanqa Sangweni, uliBhakaniya elinkone ngoku emva kwesibhengezo esenziwa yi-Orlando Pirates emini maqanda namhlanje. Ingxelo ithi lo mdlali obenguKapteni weChippa utyikitye isivumelwano sengqesho eside kwiPirates enomsebenzi encwase ukuguqula izinto kwisizini ezayo emva kokusokola kakhulu kwisizini edlulileyo.

“Kuluvuyo kuthi ukwazisa uThamsanqa Sangweni njengomdlali we-Orlando Pirates. USangweni liBhakaniya emva kokutyikitya isivumelwano sengqesho esizakuphelelwa ngo’2020. Lo mdlali, 28, ngowesibini ophuma kwaSangweni odlalela iPirates. Ulandela ubhuti wakhe omdala uSiyabonga Sangweni owabayinxalenye yeqela labadlali abaphumelela iindebe zembali ezintathu kwisizini enye,” utshilo usihlalo weBucs, ugqirha Irvin Khoza kwikhasi lomnatha leqela lakhe.

Naye uSangweni, obekusoloko kusenziwa amaqashiso ngaye, ukuvuyele ukuzibandakanya neBucs. “Kuyandonwabisa kakhulu ukuba lapha kweli qela. Ndizimisele ukwenza elam igalelo elakuthi lincedise iqela kwiinzame zalo zokubuyela kwindawo yalo. Ndifuna ukubulela izinto endizenzelwe ngusihlalo, ngabalandeli nabo bonke abasebenzi beChippa United. Ndakuhlala ndinombulelo,” utshilo uSangweni.

USangweni uvumbuluka kwinkampu yePirates namhlanje emva kweendaba ebezimoyamanisa neentshatsheli ze-Absa Premier Soccer League – iBidvest Wits. Uyishiya iChippa United emva kwesizini edlulileyo ebimbi nangona edlale indima ebalulekileyo kwinkqubela eyenzileyo kule minyakana ayichithe eBhayi.