UThando Ntini uye kwiDolphins kuba efuna ukudlala rhoqo

UThando Ntini ngumdlali omtsha weDolphines yaKwaZulu-Natal. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Omnye wabadlali beqakamba abasakhulayo, uThando Ntini, uzichithile iintente kwiphondo laseGauteng walibangisa kwelaKwaZulu-Natal – apho kulindeleke adlalele iDolphins kwisizini entsha. UNtini, 20, obedlalela iTitans, uphakathi kwabadlali abancwase ukufumana amathuba kwamanye amaqela phambi kwesizini entsha. “Ndifuna ukuba sendaweni apho ndiza kufumana amathuba okudlala ngaphezulu kunesizini egqithileyo,” utshilo uNtini, ethetha nabeendaba. “Kum, ukubuyela eThekwini kuhle ngoba yindawo eqhelekileyo. Ndingumntu owakhulela ngaselwandle. Andikuthandi ncam ukuhlala kude nonxweme – kodwa kuninzi endikufundileyo apho ndisuka khona kwaye ndinethemba lokuba kuza kundinceda,” utshilo uNtini, owaqala ukudlala iqakamba kwinqanaba eliphezulu kwiWestern Province idlala kwitumente ekuthiwa yi-Africa T20 Cup ngo-2018.

Phambi koko wazenzela igama kwiqela lesizwe labadlali abasakhulayo nakwiqela lephondo laseNtshona Koloni. Esinye sezizathu ezibangele unyana kaMnu. Makhaya Ntini aye kwiqela laKwaZulu-Natal kukusebenze nabantu abathile acinga ukuba bangayiphucula indlela adlala ngayo. “Ukuza kwam apha akukho ngokudlala kuphela. Zininzi izinto endifuna ukuziqabelisa kwiminyaka embalwa ezayo kwikhondo lam lokudlala iqakamba. Bendifuna ukusebenza nabantu abafana noDuzi Mbatha, u-Imraan Khan noQuiton. Ukufumana ithuba lokuchongwa yeyona nto ephambili kum kwaye ndinethemba lokufunda oogxa bam abatsha ingekaqali isizini,” utshilo uNtini, odlala njengomjuli webhola yeqakamba ophuma eMpuma Koloni.

Kwiqakamba yaseMzantsi Afrika, iDolphins iyaziwa ngokuvelisa abajuli bebhola yeqakamba abanesantya esiphezulu. “Kubalulekile ukunikwa kwabadlali abadlala njengam amathuba kwiqela lesizwe. Ndinethemba lokuba ngeke ndisokole ukuqhelana nedolophi yaseThekwini ngoba ndiyidlalile iqakamba nabadlali abaninzi abasadlala emgangathweni osezantsi. Ayondawo entsha kakhulu kum le, ndiyabazi abantu endidlala nabo apha. Kuyandichulumancisa ukusebenza noQuinton Friend (umqeqeshi wabajulayo) noxa ikokokuqala ndidibana naye,” uvale ngaloo mazwi uNtini, umdlali oyakukhula ephantsi koxinizelelo ngenxa kayise owazenzela igama elihle kwiqakamba yehlabathi ngeentsuku zakhe.