UThatayaone Dithlokwe uthi inye into efunwa yiChiefs kule sizini

Nangona isizini ka2023/24 seyihambe umgama omde futhi iindebe sezihambile – kodwa Amakhosi asenalo ithemba lokufumana indebe. Oku kuvakaliswe ngumdlali wasemva, uThatayaone Ditlhokwe, emva kokuba kuthelekizwe amaqela adlala kwiPremier Soccer League nakwinqanaba elingezantsi kwiNedbank Cup.

Amakhosi aza kudibana neMilford FC edlala kwiNational First Division ngomhla ongekabhengezwa yiPSL. Onke amaqela asathathe ikhefu ngenxa yemidlalo yeAfrica Cup of Nations eqhubekayo e-Ivory Coast.

Ithetha emva kokuthelekiswa kwamaqela, indedeba yaseBotswana ithe indebe yeNedbank inika iKaizer Chiefs ithemba eneminyaka elithoba yonke ingafumani ndebe. “Into endingayithetha kukuba le ndebe isinika ithemba. Yeyokugqibela phambi kokuphela kwesizini.

“Nakubeni sizame konke – kodwa akukabikho nto esiyiphumeleleyo,” utshilo uDitlhokwe kwiveki ephelileyo eGoli. UDitlhokwe ngomnye wabadlali abatsha abazamileyo ukuzinzisa iChiefs futhi osoloko edlaliswa noMsimango naye ofike ekuqaleni kwesizini esuka kwiTS Galaxy.

Ukunqaba kweendebe kwiChiefs kubenze baneengcwangu ezingummangaliso abalandeli bayo. Ekuqaleni kwesizini eqhubekayo, iChiefs ithawuziswe emapulangeni yiPSL ngenxa yabalandela abaqhwaya udushe ebaleni kuba bengoneliseki ngumsebenzi kaMolefi Ntseki.

Kungaphelanga nesiqingatha sesizini, iChiefs iye yamkhulula uNtseki ngenxa yabalandeli abebengamfuni. Abadlali abaquka uDitlhokwe banoxanduva olukhulu lokubuyisa isidima seChiefs. Ukuphumelela indebe yeNedbank kungayihlupheza futhi kuthomalalise nomsindo kubalandeli.

“Ifikile iNedbank ngoku kwaye isinika ithuba lokulungiselela ukuyilwela. Sizimisele ukuzama ukuba kubekho into esiyifumana xa kuphela isizini. Ngeke kube kuhle ukuba singavala isizini singafumananga nto. Akukho nto esiyaziyo ngeqela esiza kudibana nalo kwiNedbank Cup.

“Okubalulekileyo kuthi kukuzilungiselela kakuhle sibeke iingqondo zethu ekuphumeleleni umdlalo. Injongo yethu ephambili kukuphumelela indebe yeNedbank ngoba ayikho enye esingayiphumelela. Inye jwi into esezingqondweni zethu ngoku, kukuphumelela indebe,” utshilo uDitlhokwe.