Uthe zava emalini ophumelele iComrades Marathon

Bongmusa Mthembu breaks away to take the lead on Polly Shorts during the 2017 Comrades Marathon from Pietermaritzburg to Durban

Emva kokushiya iimbaleki ezingaphaya kweshumi elinesixhenxe lamawaka ngeCawe edlulileyo kwiComrades Marathon ka’2017, ngoku uBongmusa Mthembu uthe zava emalini. Le mbaleki, 33, izenzele imbali ngokuthi aphumelele ugqatso lweComrades lalo nyaka kwixesha elingaphezulu kweeyure ezintlanu (5:35:34).

UMthembu uyithathe okwesibini intshinga yeComrades – kodwa ungowokuqala eMzantsi Afrika ukuyithatha lo mdyarho kusihliwa naxa kusenyukwa. Kanti le ndedeba yaseMgungundlovu iyimbaleki yokuqala kweli lizwe eyithathe izihlandlo ezibini emva kukaBruce Fordyce owenza lo mbali ngo’1990.

UMthembu kuye kwanyanzeleka ashiye amadoda aziwayo afana noHatiwande Nyamande obambe indawo yesibini, uGift Kelehe, uLudwick Mamabolo noCharles Tijiane phambi kokufumana imali engaphaya kwesiqingatha sesigidi serandi (R500 000) ngosuku olunye qha.

Le mbaleki yaKwaZulu Natal ifumene iR425 000 ngokuphumelela iComrades, iR200 000 ngokuba yimbaleki yaseMzantsi Afrika efike kuqala entanjeni neR35 000 ngokuba yimbaleki ekweziphambili ezilishumi ephuma eKZN.

Kusenekwenzeka kubekho iimali ezithi gqi emacaleni eziphuma kubaxhasi abazimeleyo. Nangona iimbaleki ezithath’inxaxheba kulo mdyarho zingena zingagxeleshanga mali – kodwa othe waphumelela ubomi bakhe buyatshintsha.

Nakubeni ephumelele – kodwa uMthembu akafunanga ukuzincoma, endaweni yoko uncome umqeqeshi wakhe omncedileyo phambi kwalo mdyarho.

“Ndibulela umqeqeshi wam, nguye ondinike amacebo okuqubisana nalo mdyarho. Ndiyisebenzele le ntshinga, ndiyazivuyela neembaleki zalapha eMzantsi Afrika ezifumene iindawo eziphambili kulo nyaka,” utshilo uMthembu.

Ephendula iintetha ebezisithi yena uyimbaleki ethanda umhlaba ohlayo, uMthembu uthe: “Abantu abandaziyo bayayzi into eyenzekileyo kule minyaka imbalwa idlulileyo. Andifuni kuthetha kakhulu, abantu bayakuhlala betha. Mna ndiyayazi into ebesenzeka. Konke okwenzeka kule minyaka idlulileyo bendilungiselela lo mhla,” uvale ngalo mazwi umfo kaMthembu.

Amadoda kwiTop 10

1. Bongmusa Mthembu 5:35:34

2. Hatiwande Nyamande 5:38:48

3. Gift Kelehe 5:41:48

4. Ludwick Mamabolo 5:42:40

5. Charles Tijiane 5:45:26

6. Simphiwe Ndlela 5:45:57

7. Teboho Sello 5:47:02

8. Prodigal Khumalo 5:47:11

9. Steven Way 5:49:40

10. Fritjo Fagerlund 5:49:54

Abesifazane kwiTop 10

1. Camille Herron 6:27:35

2. Alexandra Morozova 6:31:45

3. Charne Bosman 6:39:51

4. Gerda Steyn 6:45:45

5. Jasmin Nunige 6:46:21

6. Sarah Bard 6:49:30