UThembi Kgatlana wenze imbali – kodwa aBanyana Banyana bakha phantsi isitya sigcwele!

Spain's Mariona Caldentey (centre) and South Africa's Linda Motlhalo battle for the ball

Iqela lesizwe
loMzantsi Afrika lamantobazana, aBanyana Banyana, likhe phantsi isitya sigcwele
nangona uThembi Kgatlana enze imbali ngokufaka igowuli lokuqala loMzantsi
Afrika kwindebe yehlabathi. – kodwa ngelishwa, izinto azilihambelanga kakuhle
ekugqibeleni. ABanyana Banyana, abachanwe yiVAR, babethwe ngamagowuli amathathu
kwelinye (3-1) lilizwe laseSpain emdlalweni obunzima we-2019 FIFA Women’s World
Cup obubanjelwe e
Stade Océane, eFrance,
ngorhatya lwanamhlanje. Abadlali bakaDesiree Ellis balwe kwamdala iisali
kwisigaba sokuqala kodwa baphoxwe kukungwakwazi ukusebenzisa amathuba. Izinto
zijike kwisigaba sesibini ngethuba uNothando Dlamini noJanine van Wyke besenza
iimpazamo emdlabeni kanozinti. Ezo mpazamo zinike iSpain, ebesixakiwe
kukuqhekeza udonga loMzantsi Afrika, amathuba okufaka amagowuli amabini. Ukukhutshwa
kukaDlamini ngekhadi elibomvu kwenze ingxaki enkulu kwiBanyana Banyana ebiphantsi
koxinizelelo.

UMzantsi
Afrika uye kwixesha lokuphumla unkqenkqeza phambili ngegowuli elinye eqandeni. ABanyana
Banyana baqale umdlalo ngendlela eyoyikisayo ngenxa yeSpain ebilawula umdlalo.
Kodwa into encomekayo kwiqela likaDesiree Ellis kukuba belidlala kakuhle
kakhulu emva futhi futhi kubonakala naxa esiya phambili uKgatlana
obengenamncedi ngamanye amaxesha. Emva kwexesha kudlalwa, uThembi Kgatlana,
ubapheke ebophula abadlali beSpain wabhakuzelisa umnatha ngebhola entle eshiye unozinti
weSpain entanyaza. Emva koko umdlalo woMzantsi Afrika uye waqina kakhulu
nangani iSpain besidlala ibhola engcono. Icebo leSpain lokusebenzisa amaphiko
liye lakrotyelwa nguLebohang Ramalepe noNothando Vilakazi abadlale kakuhle
kakhulu bencediswa nguNoko Matlou noJanine van Wyke emva.

Izinto ziye
zatshintsha mpela kwisigaba sesibini. Noxa ukwazile uMzantsi Afrika ukuxhathisa
ixesha elide – kodwa abadlali beSpain babuye betyhile kwelinye iphepha. Unozinti,
uAndile Dlamini, unqande amanzi engena endlini amatyeli aliqela. UNothando Dlamini
ubanjwe yiVAR emva kokunyathela kakubi uLucia Garcia emphakathweni. Ibhola
ikhonjwe echaphazeni yafakwa linxele – uJennifa Hermoso. Ukapteni weBanyana
Banyana, uJenine van Wyke, ubethwe yibhola esandleni endaweni embi. Ikhonjwe
echaphazeni naleyo. UHormoso ubhakuzelise umnatha kwakhona, satsho sahamba
phambili iSpain ngo’2-1. ULucia Garcia ufake igowuli lesithathu – ngalo ndlela,
iSpain saba sifumana impumelelo yokuqala emdlalweni obalulekileyo kwindebe
yehlabathi.

 

SpainPanos,
Paredes, Losada, Corredera, Torrejon, Cadentey, Hermoso, Putellas, Torrecilla, Leon,
Sampedro.

Banyana: Dlamini,
Ramalepe, Vilakazi, Van Wyk, Matlou, Mthandi, Biyana, Jane, Motlhalo, Kgatlana,
Fulutudilu.

Amalalela:
Mpuru (GK), Mbane, Dhlamini, Seoposenwe, Makhubela, Gamede, Ndimeni, Mulaudzi,
Holweni, Makhabane,  Smeda, Swart.