UThembinkosi Lorch ubatyityimbisela umnwe oogxa bakhe!

Thembinkosi Lorch of Orlando Pirates celebrates goal and Itumeleng Khune of Kaizer Chiefs watching during the 2018 Telkom Knockout semifinal match between Kaizer Chiefs and Orlando Pirates at Moses Mabhida Stadium, Durban on 24 November 2018 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Ngomso kuzawuqhawuka
unobathana ngenkqu emdlalweni weTelkom Knockout. Ezimnyama zidibana neBaroka FC
emdlalweni ekudala ulindelwe ngentsimbi yesithandathu emalanga eNelson Mandela
Bay Stadium – eBhayi. Umdlali we-Orlando Pirates, uThembinkosi Lorch, ngomnye
wabadlali ekuthenjelwe kubo futhi ekulindeleke enze iziqwenga ngomso. Ngaphandle
kwamathandabuzo, iPirates lelona qela elinethuba elihle lokuphumelela ngoba
idlala kakuhle kakhulu futhi inabadlali abayingozi. Akululanga ke kodwa
ukudlala neBaroka nangoba iPirates ineziqwayi zabadlali. Yiyo lo nto uLorch
ebatyityimbisele umnwe oogxa bakhe ngelithi ze bangayideleli iBaroka. IPirates
yagqibela ukuphakamisa indebe ngeyeNedbank ngo-2014.

ABakgaga baya
emdlalweni wangomso befuna ukuzenzela imbali ngokuthi baphumelele iTelkom Knockout
okokuqala embalini yabo. Ingawothusa umzi kekambe ngoba phambi kokuzibekela
indawo emdlalweni wokugqibela – iBaroka idlule emaqeleni afana neMamelodi
Sundowns neBidvest Wits ebiziintshatsheli kwisizini egqithileyo. “IBaroka iza
kudlala umdlalo wokugqibela, hayi ngempazamo. Kufuneka siyihloniphe ukuba
sifuna ukufunqula indebe ngoMgqibelo. Abadlali beBaroka bafuna ukuphakamisa
indebe okokuqala kwimbali yayo,” utshilo uLorch kwikhasi lomnatha lePirates
izolo.

AmaBhakaniya
atyikitye inqwaba yabadlali phambi kokuqala kwesizini entsha. Ukuzothi ga ngoku
benza umsebenzi oncomekayo ngoba bakhawuleze bayibamba indlela uMilutin “Micho”
Sredojevic afuna iqela lakhe lidlale ngayo. Badlala kakuhle abadlali bePirates
futhi bayinxanelwe impumelelo. ULorch ngomnye wabadlali abaqinisekisayo ukuba
iBucs iyaphumelela emidlalweni. Nangomso kulindeleke ukuba ayipheke eyophula
iBaroka. “Uninzi lwethu luzakube luqala ukudlala emdlalweni wamagqibela
kankqoyi. Njengabadlali beBaroka, nathi sifuna ukushiya umzila kweli qela
lethu. Sifuna ukukhunjulwa njengesizukulwana esithe sanegalelo kweli qela. Sizimisele
ukuzama ngako konke okusemandleni wethu,” utshilo uLorch.