UTheron udanile ngumdlalo weeJunior Springboks

Amathemba eqela lesizwe lombhoxo labaminyaka ingaphantsi kwamashumi amabini okuya kumdlalo wamagqibela kankqoyi, aphele emoyeni.

Oku kulandela emva kokuba eliqela libethwe ngoosotheko iNgilane ngo’39-17 kumdlalo ophambi kwamagqibela kankqoyi.

Abafana bakaDawie Theron bekunzima ukuba bathathe umdlalo wabo bawuse phambili kwaye iNgilane ibibonalisa ubunganga usaqala umdlalo. INgilane ingqengqe emgceni amatyeli amathandathu, amatyeli amahlanu ingqengqe kwisiqingatha sokuqala.

Kwisiqingatha sesibini iiJunior Boks zikwazile ukufika emgceni amatyeli amabini ngomdlali wasephikweni * -Edwill Van der Merwe, nomdlali wangemva uCurwin Bosch. Besele kuhlwile kuba iNgilane ibisele isondele empumelelweni.

Ngokuqinisekileyo ke le ayondlela uTheron ebelindele ukuba liqhube ngayo iqela lakhe. Ingakumbi njengokuba eyazi ukuba ibiyisizini yakhe le njengomqeqeshi kwiqela lesizwe. Eyona nto ibethise aba bafana ziimpazamo abazenzileyo kulo mdlalo ingakumbi kwisiqingatha sesibini. UTheron yeyona nto ayiqapheleyo naye le kulo mdlalo.

“Siphoxeke kakhulu,” utshilo uTheron. “Besidlala neqela laseNgilane elime kakuhle, kwaye senze iimpazamo ezininzi kakhulu ngexesha elibalulekileyo.

“Sikwazile ukwenza amathuba ambalwa ebhokisini yabo ekuqaleni komdlalo, kodwa iipenalthi abazifumeneyo yeyona nto isibethileyo. Ibisisifundo esinzima kubahlali bethu abancinci.

“Nangona kunjalo kuyafuneka iNgilane nayo singayijongeli phantsi, idlale kakuhle kakhulu. Bekukho isigaba apho nathi siye salwa ngokuzimisela. Khange sikwazi ukufumana amanqaku ngamathuba esizenzele wona kulo mdlalo,” wongeze ngokutsho uTheron.

Ngoku iiJunior Boks zizakudlala ne-Argentina kumdlalo wokulwela indawo yesithathu ngoMgqibelo. INgilane izakujamelana ne-Ireland kumdlalo wamagqibela kankqoyi.