Iintshatsheli ezintsha zeNational First Division, iBaroka FC, ikwiphulo lokuqala ukwazisa abantu ukuba igalelekile kwiPremier Soccer League.
Oku kuvezwe sisikhulu seBaroka uMorgan Mammila nothe iqela liceba ukwenza umcimbi omkhulu kweyeKhala, nozakuba nomgomo othi: “PSL We Are Here to Stay”.
“Kulo mcimbi sizakube sibhengeza ukuba sizakuhlala kwiPSL. Siza kuhlala ixesha elide. Sifuna ukunyathela ezihlangwini zeKaizer Chiefs neOrlando Pirates. Ngawona maqela avule indlela la, nathi sesingenile,” utshilo uMammila.
Uthi yilo nto bekungekho kuthandabuza ukuba abadlali bakhe bangawenza umsebenzi xa bebedlala neMilano ababambene nayo ngo’1-1 ngeCawa.
“Sothukile kodwa siyavuya. Le yeyonanto besiyisebenzela le sizini yonke. Ndibulela abadlali, igqiza labaqeqeshi nabo bonke abantu abancedisayo kweli qela ukuze sikwazi ukufikelela kwinto ebesifuna ukufikelela kuyo.
Into eqhelekileyo kukuba amaqela amaninzi aye amgxothe umqeqeshi oye wanyuka neqela walisa kwiPSL, kodwa uMammila uthi bazimisele ukumgcina uKgoloko Thobejane njengomqeqeshi naxa sele benyukele kwiPSL.
“Akayi ndawo. Kwisizini ezayo uzakube engumqeqeshi wethu. Kungenzeka kubekho utshintsho labaqeqeshi kwisizini ezayo, kodwa yena uzakuhlala nje- ngomqeqeshi oyintloko,” utsho uMammila.
Naye uThobejane othethe ngokuzithemba okukhulu, ngelixa ethetha kwiSuperSport wayibethelela into yokuba akayi ndawo.
“Ndiyamthemba umntakwethu, savumelana ukuba ndizakuqhubekeka ndiqeqeshe iqela.
Uthi akukho nto bayityikitya phantsi nosihlalo weqela uKhurishi Mphahlele, kodwa wathi uyamthemba ukuba soze amphoxe.
UThobejane uthi ngelixa eqeshwa inye into awayixelela umntakwabo kukuba: “mntakwethu sele singenile kwiPSL.”
UVilakazi usola usompempe ngokuphuma kwaMaZulu kwiNedbank Cup