Uthongathi luvule kakuhle ngokuthi lubethe i-EC Bees ngo’1-0 kumdlalo wokuqala kaGroup B wetumente wamaqela adlala kwi-ABC Motsepe League eSisa Dukashe Stadium ekuseni namhlanje. Le midlalo idlalwa ngamaqela atshatsheleyo kumaphondo onke eMzantsi Afrika, ngoku kukhangelwa amabini azakuthi anyukele kwiNational First Division. La maqela aye ohlulelana ngalo mdlalo. Kwisigaba sokuqala bekugunye Uthongathi kwaye belufanelwe ngamagowuli aliqela ukuba amathuba beluwasebenzisile. Zona iinyosi zibuye kwisigaba sesibini ngethuba bekubonakala ukuba Uthongathi ludiniwe. UJoseph Chikili obezama phambili ebeyedwa futhi kunzima ukufaka amagowuli ngoba ebesokolo eyedwa.
Uthongathi luye kwixesha lokuphumla luhamba phambili emva kokufumana igowuli elifakwe nguXolani Slawula kumzuzu wesihlanu umdlalo uqalile. Oko bekufanelekile ngoba leli qela laKwaZulu
Iqale inomfutho iBees kwisiqingatha sesibini kwaye kubonakala ukuba ikhangela indlela yokufumana igowuli lokulinganisa. Uthongathi lenze eyona nto ibalulekileyo; ukuvala uJoseph Chikili – eyona folosi iyingozi kwiBees. USiyabulela Shai ufike washukimisa ekungeneni kwakhe kwisigaba sesibini emva kokungena endaweni kaMinenhle Dlongololo. UChikili ubenelishwa ngethuba ibhola yakhe inqandwa yipali emva kokubetha amadoda ebhokisini. Khange bachole naphantsi abadlali beBees ngoba Uthongathi beluchitha kwanto phaya emva. Ukubethwa kweBees kuyibeka phantsi koxinizelelo kakhulu.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo