UThulani Hlatshwayo ugxeleshe indebe yeMTN8 emdlalweni wanamhlanje

Phambi kokuqala kwesizini entsha, amaqela athenge abadlali abatsha kuba ebefuna ukwenza ngcono kunesizini ephelileyo. Elinye lamaqela elithe lathenga abadlali abasemgangathweni ophezulu ibe yi-Orlando Pirates. Phakathi kwabadlali ebafumeneyo ibe nguThulani Hlatshwayo obedlalela iBidvest Wits ebhangisiweyo emva kokuthengwa ngusomashishini waseLimpopop oyiguqule igama yayiTshakhuma Tsha Madzivhandila. Zisuka nje, uJosef Zinnbauer udibanise uHlatshwayo noNtsikelelo Nyauza kwatsho kwangcono emva xa idlala iPirates.

Akuphelelanga apho ngoba uHlatshwayo, 30, uye wenziwa uKapteni efika endaweni kaHappy Jele ongadlaliswa kakhulu kule sizini. Iinguqu ezenziweyo zizele amathokazi ngoba ngoku iPirates iza kudlala neBoloemfontein Celtic emdlalweni weMTN8 wokugqibela eThekwini – apho inethuba lokugweba indlala yeminyaka emithandathu. Ezimnyama ziza kube zikhokelwe nguHlatshwayo ogxeleshe indebe yakhe yokuqala kwiPirates emva kokuphakamisa eziliqela kwiWits phantsi kukaGavin Hunt.

“Ndiziva ndiwongekile ngokuba ngomnye wabadlali abanegalelo kwimbali etyebileyo yeli qela,” utshilo uHlatshwayo ethatha kwikhasi lomnatha lePirates. “Uxinizelelo yinto esiphila nayo ebomini bethu. Nasemakhaya kusoloko kukho uxinizelelo ngoba xa umdala kufuneka uqinisekise okokuba abantwana bayaya esikolweni. Thina apha sinethamsanqa ngoba senza into esiyithandayo. Kuxhomekeke kuthi ke ukuba sikhetha ukubhalwa kwamagama wethu kwiincwadi zembali ngokuqinisekisa ukuba siphumelela indebe,” utshilo uHlatshwayo.

Nangona iPirates ibikhe yayibetha iCeltic ngo’1-0 kodwa umdlalo wanamhlanje uza kwahluka. “Akusekho maqela amakhulu kwiPSL. Kufanelekile ukuyihlonipha iCeltic ngoba ibikhe yadlala neMamelodi Sundowns emdlalweni weNedbank wokugqibela. ICeltic liqela elikwaziyo ukwenza umsebenzi ebaleni. Yiyo lo nto kufuneka siqinisekise ukuba siwenza kakuhle umsebenzi wethu. Besingathanda ukuba nabalandeli bethu ebaleni, asikwazi ngenxa yeKhovidi-19,” utshilo uHlatshwayo.