UThulani Mbenge ulumkisa uCissokho ngobungozi azifaka kubo

Thulani Mbenge.

Enye yeembethimanqindi eziqaqambileyo eMzantsi Afrika, uThulani “Tulz” Mbenge, ibila isoma enkampini apho ilungiselela khona umlo obalulekileyo. UMbenge uza kuvana amandla noSouleymane Cissokho emlweni wentshinga yeWBC Welterweight engenamntu oza kube useH. Arena, eFrance, ngohla weshumi elinesixhenxe kule nyanga yoMnga. Le mbethimanqindi yaseMonti ikhangela amadlelo aluhlaza emva kokugqugqisa kwizwekazi le-Afrika ixesha elide. UTulz ubuyela eYurophu okokuqala ukusukela ngo-2019, unyaka awabethwa ngawo emlweni owawuseGermany. Emva koko kubekho ibhubhane oyiKhorona okhe wamisa ngxi izinto ezinzi, ingakumbi kwicandelo lezemidlalo. “Kudala ndilinde ithuba. Amalungiselelo omlo asahamba kakuhle kakhulu,” utshilo uMbenge ethetha kwiSA Boxing Talk.

UTulz uya emlweni ozayo ukuzithemba kuphezulu kuye emva kokuphumelela omnye obukwiinyanga ezigqithileyo. Ingxelo zithi uCissokho ukwelinye inqanaba elingasentla – kodwa ugqibe kwelokuba ehle kuba ekhangela imilo esemgangathweni ophezulu. UMbenge uthe akaboni nto embi kwisigqibo sikaCissokho – kodwa wamlumkisa ngelithi uza kudibana neembila zithutha kwindawo eza kuyo. “Andiboni nto imbi xa esuka kudidi eluphezulu eze ezantsi. Kodwa kufuneka ayazi into yokuba uza endaweni eyingozi kakhulu ngoba kukho iimbethimanqindi ezisemgangathweni ophezulu kolu udidi sikulo,” utshilo uMbenge ozithembileyo phambi komlo obalulekileyo naza kusonga ngawo unyaka.

Ebuzwa ukuba akoyiki na ukuya eFrance endaweni engayiqhelanga, uMbenge uphendule wenjenje: “Andinangxaki nabantu baseFrance. Ukuba ufuna ukuhlonitshwa, kufuneka uye ezizweni. Ndikuqhelile mna ukuya kwezinye iindawo., khumbula ukuba sesisuka emidlalweni ye-Olimpiki. Andibakhathalelanga abantu ngoba ndiza kulwa ngoCissekho. Inye into esengqondweni yam ngoku: kukulwa noCissekho qha. Ndikhangela izinto ezinkulu ngoku. Yiyo lo nto ndisiya eFrance kwimbethimanqindi efana noCissokho. Ndizama ukwakha igama lam emanqindini. Igam lam liyaziwa, nokuba ndingadibana nabani emva kukaCissekho andinayo ingxaki.” Umlo kaTulz noCissekho uza kuba nemijikelo elishumi elinambini.