Uthwaxwa yindlala macala uBongani Silila

IimbethIMANQINDI zelizwe loMzantsi Afrika zibe nengxaki yokunqatyelwa yimilo kule minyaka mibini edlulileyo.

Enye yezo mbethimanqindi ebi lixhoba lokunqaba kwemilo nguBongani Silila oyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lweJunior flyweight.

USilila, 31, wagqibela ukuqabela eqongeni ngomhla weshumi elinesithandathu kweyoMnga kunyaka ka2016 xeshikweni edlala ngokulingana noLuyanda Nkwankwa owazalelwa eMonti – kodwa kungokunje uzinze eKapa.

Umlo owawuphakathi kwezi mbethimanqindi washiya abalandeli betyhola abagwebi ngokudlela indlala uNkwankwa.

USilila uthi imbalela yemidlalo yenza kube nzima ukondla usapho lwakhe.

“Imbi le nto yokunqatyelwa yimilo ngoba ndixhomekeke kula manqindi ukuze ndondle usapho lwam. Le meko indinyanzelisa ukuba ndixhaswe ngamanye amadoda ngezimali,” utsho uSilila.

Nangona enqatyelwe yimilo, uSilila akayekanga ukuzilolonga futhi usenalo ithemba lokuba yintshatsheli yehlabathi.

“Ndihlala ndizilolonga, ndifuna ukungasokoli xa kusithiwa nanku umlo. Ndisenalo iphupha lokuba yintshatsheli yehlabathi,” utshilo.

OkaSilila uziphikile iingxelo ezithi uyoyika ukuqubisana nowayesakuba yintshatsheli yeIBF kudidi lwentambanani, uNkosinathi Joyi.

“Ndiwavile amahumhum athi ndoyika uJoyi. Andimoyiki uJoyi, ndingalwa naye nanini na,” itshilo inzalelwane yaseKwelerha.

Ukunqatyelwa yimilo kukaSilila kuziphazamisile nezicwangciso zakhe zokuzakhela umzi wakhe.

USilila uphumelele imilo elishumi elinesihlanu kwimilo engamashumi amabini anesithathu. Wabethwa kwemihlanu, waze wadlala ntanganye kwemithathu.

“Bendiceba ukuzakhela umzi kunyaka ophelileyo – kodwa ndanqatyelwa yimilo,” utsho uSilila.

isibhalo@inl.co.za