UTignyemb uyifungele iBloemfontein Celtic

Kubekho iinguqu kwiChippa United ekuqaleni kwale veki emva kokuba abaphathi begqibe kwelokuba bamkhulule uClinton Larsen oyiqeqeshe ukusukela ekuqaleni konyaka.

Iinguqu zenziwe emva kokuba iChippa ibethwe yiOrlando Pirates ngo’2-1 emdlalweni weAbsa Premiership kwiveki ephelileyo.

ULarsen ukhonjwe emnyango emva kokuba iChippa idlale ntanganye emidlalweni emithathu nokubethwa emidlalweni emibini.

Indawo kaLarsen ithathwe nguDuran Francis owayedlalela iBay United. Nakubeni kunjalo, umdlali weChippa, uPatrick Tignyemb ofike ekuqaleni kwale sizini, uthi abantu mabathobe amaxhala ngoba izinto ziza kulunga kwiChippa.

IChippa yamkela iBloemfontein Celtic emdlalweni weAbsa Premiership oza kube useNelson Mandela Bay Stadium ngo-5:00 ngoMgqibelo. UTignyemb uthe akayifuni enye into ngaphandle kwempumelelo.

UTignyemb udlalele iCeltic njengonozinti iminyaka ephaya kwishumi kodwa uye wayishiya ekupheleni kwesizini ka2018/19 emva kokuxabana nabaphathi ngenxa yemiba edibene nokubhatalwa kwabadlali.

Uya emdlalweni efuna impindezelo nakubeni iyinto leyo engeke ibe lula emva kokuba iCeltic ibethe iStellenbosch ngo’2-1 emdlalweni ogqithileyo.

“Amalungiselelo wethu ahamba kakuhle njengesiqhelo. Bonke abadlali bazimisele enkampini kwaye bonke bakulungele ukudlala.

Andiyikhathalelanga ke iCeltic ngoba elona qela elibalulekileyo kum ngoku leli lindibhatalayo.

Ndingatsho ndithi abadlali bazimisele kakhulu futhi bazimisele ukutshintsha izinto kwiChippa.

Into endiyifunayo emdlalweni wethu olandelayo kukuphumelela,” utshilo uTignyemb encokola neli phephandaba kule veki.

IChippa United iphakathi kwamaqela ambalwa angekaphumeleli kule sizini.

Nangani kunjalo, uTignyemb ubethe ngenqindi phantsi ngelithi uqinisekile ukuba iChippa iza kube isendaweni engcono ekupheleni kwesizini.

“Ndiqinisekile ukuba sakube sisendaweni engcono. Andixhalabanga konke ngoba sineqela elihle kakhulu.

Sinabadlali abasemgangathweni ophezulu kweli qela. Ewe, asikwazanga ukufaka amagowuli kodwa sidlale kakuhle emidlalweni.

Alikho kwiPSL iqela elinokwenza into eliyithandayo lidlala nathi.

Into efunekayo kukubeka iingqondo zethu emidlalweni sizame nokulungisa iimpazamo zethu. Ibhola esiyidlalayo intle kakhulu.

Zakulunga izinto, iChippa iza kubhabha emajukujukwini,” utshilo uTignyemb.