UTikita ufuna iPirates ibuyele kwiChampions League

Abalandeli be-Orlando Pirates bazizisulu zokuncithwa nokuhlaselwa ngoogxa babo ebholeni emva kokungaqhubi kakuhle kwezi sizini zidlulileyo.

I’solezwe lichube isikhwebu nomnye wabalandeli abayithanda kakhulu futhi onqwenela ukuba iPirates ingadlala ngcono kule isizini.

Pedro Mapelo: Siyabulisa Mhlekazi, unjani namhlanje?

Umlandeli: Molo Bhuti. Ndiphilile, unjani wena?

PM: Nceda uzazise kubalandeli bebhola nabafundi beSolezwe ngokubanzi.

Umlandeli: Mna ndinguMzukisi Tikita, ngokokuhlala ndilapha eMossel Bay – ndingumlandeli we-Orlando Pirates.

PM: Siyabulela ngokuzazisa. Khawutsho, ngubani umdlali kwiBucs omthandayo?

Mzukisi Tikita: Ha ha hanguThabo Qalinge. Eyona nto ndikholwa yiyo kuye yindlela ayidlala ngayo ibhola ekhatywayo. Kangongokuba ndivuya kakhulu njengokuba ebonakala kakhulu kwiPirates kule isizini.

PM: Kuhle ke xa kunjalo. Ungathi sesiphi esona siganeko ongasoze usilibale ngePirates?

MT: Ndaqala ukulandela iPirates phaya ngo-1997. Eyona nto endingathi iphuma phambili zezandebe zintathu sakhe saziphumelela kwisizini enye. Ngoko iPirates yayisaqeqeshwa nguRuud Krol. Ndikhumbula umdlalo wokugqibela wePSL siwudlala neGolden Arrows kwelinye icala nayo i-Ajax Cape Town esasilingana nayo idlala. Sakhululwa ligowuli elafakwa ngu-Isaac Chansa kuloo mdlalo, kunzima kakhulu.

PM: Unqwenela kwenzeke ntoni kwiPirates kule sizini?

MT: Ndingavuya ukuba umqeqeshi angasinceda ngokuphumelela indebe yeTelkom Knockout. Kungakuhle ukuba singaqhuba kakhulu nakwimidlalo yePSL ngokuba ndifuna sibuyele kwiCaf Champions League. Ndisakhala ke phaya esiswini, ingase bafumane nokuba ngu-Andile Jali ngemboleko ukuze kube ngcono.