UTim Sukazi udiz’ iindaba ngonozinti weKaizer Chiefs

UBrilliant Khuzwayo nogxa wakhe u-Itumeleng Khune ngethuba bezilolonga eNaturena. Umfanekiso: BackpagePix

Kugqityiwe! Unozinti weKaizer Chiefs, uBrilliant Khuzwayo,
uza kuhamba ekuphelini kwesizini yePSL ka-2017/18. Ezi ndaba zidizwe ngumphathi
walo mdlali, uTim Sukazi, kwincoko ayenze noogxa bethu, iSolezwe, kutshanje
emva komdlalo weGolden Arrows ne-Orlando Pirates kwiphondo laKwaZulu Natal. Ekuqaleni kwalo
nyaka, ngethuba kuvulwe inyoba yokuthengwa nokuthengiswa kwabadlali ngamaqela
adlala kwiPSL, kwathi ndiii iindaba ezithi uKhuzwayo ufunwa kakhulu yiCape Town
City – kodwa kwade kwavalwa umkhusane kungekho nto eyenzekileyo. UKhuzwayo unethuba
elide kakhulu engasadlali kwiChiefs ngenxa ka-Itumeleng Khune obambe indawo
ephambili okwanguye noKapteni weqela.

Kwiisizini ezidlulileyo kusekho uStuart Baxter, le ndedeba
yaKwaZulu Natal
yalifumana ithuba lokudlala kwade kwabonakala ukuba ingade iswantsulisane
nabanye oonozinti kwiqela lesizwe (Bafana Bafana) ngenxa yomdlalo wayo omhle. Konke
oko kwenzeka kuba uKhune – othathwa njengoyena nozinti oqaqambileyo eMzantsi
Afrika – wayekhathazwa kukonzala. Kanti umqeqeshi okhoyo ngoku, uSteve
Komphela, ukhetha ukusebenzisa uKhune ixesha elininzi – mhlawumbi, kungenxa
yobunzima iqela elithe lajongana nabo kwezi sizini ezintathu ezidlulileyo.

Ukusukela oko kwathi gqi iindaba ngokuhamba kukaKhuzwayo
kwiChiefs, kuye kwakho namahum-hum athi iPirates lelinye lamaqela amgaceleyo lo
mdlali. Akukabikho lizwi elitsolileyo ngalo nto eliphuma kwiBucs – kodwa yena
uSukazi uqinisekisile ukuba umkhangelela ikhaya elitsha umdlali wakhe. “UKhuzwayo
akadlaliswa. Nokuba ngowuphi umdlalo – akadlali. Nalapha kwiNedbank Cup akadlali.
Ungumdlali ozimiseleyo ukudlala ibhola. Ukufuna kwakhe ukudlala asinto ayitsho
kakubi, akasoli mntu. Ufuna ukuhamba qha futhi uza kuhamba nyhani. Kweli
nqanaba akulo ngokweminyaka udinga ukudlala imidlalo,” utshilo uSukazi.

Indawo aya kuyo lo mdlali ayikacaci – kodwa ngaphandle
kwamathandabuzo ayingomdlali onokudinga indawo ixesha elide. USukazi uthi
iPirates ayikancokoli naye nangona kukho ingxelo eyayamanisa umdlali wakhe
nayo. “Siza kumfumanela ikhaya elitsha uKhuzwayo. IPirates ayikasikrweci. Inalo
ilungelo lokuxoxa nathi ngoKhuzwayo xa ifuna. Mhlawumbi ayiboni mfuneko
yokuthetha nathi, andikwazi ukuyithethela. Abantu esithethe nabo ngabeCape Town City
– kodwa sathi mabeme kancinane. Kukhona siza kubona ngoku ukuba iingxoxo zakuhamba
njani,” utshilo uSukazi.

Ukusukela mhla kwatshaba uSenzo Meyiwa, iPirates isebenzise
inqwaba yoonozinti kwaye abafana noBrighton Mhlongo okwiChippa United ngoku, uFelipe
Ovono, uWayne Sandilands, uJackson Mabokgwane noSiyabonga Mpontshane – kodwa ayikabinaye
eqinisekileyo ngaye ncam.