UTim Sukazi ugacele ukuthenga iBloem Celtic

UTim Sukazi ngumnikazi weTS Galaxy edlala kwiGladAfrica umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Amahumhum athi uTim Sukazi ufuna ukuthenga iBloemfontein Celtic etsala nzima ayaqina emva kokuvakala kweendaba ezithi ufuna iqela elidlala kwiAbsa Premier Soccer League.

USukazi waziwa kakhulu ebholeni yaseMzantsi Afrika emva kokusebenza ixesha elide njengomanejala wabadlali abaninzi, kodwa wothuse umzi kunyaka ophelileyo ngethuba iqela lakhe, iTS Galaxy, lisenza imbali ngokuthatha indebe yeNedbank.

Okucacileyo ngoku kukuba impumelelo ezuzwe liqela lakhe imhluphezile ngoba ngoku ufuna kubekho iqela laseMpumalanga elidlala kwinqanaba eliphezulu elidlala kwiPSL.

Nangona iTS Galaxy ibe zintshatsheli yamela noMzantsi Afrika kwiCaf Confederation Cup kwiminyaka yayo emibini iphantsi kukaSukazi, ayikho sendaweni entle kwiGladAfrika enamaqela alwela ukunyukela phezulu.

“Lide eli xesha kungekho qela laseMpumalanga elidlala kwiPSL. Sinezigidi zabalandeli abayithandayo kakhulu ibhola ekhatywayo noxa bengenalo iqela,” utshilo uSukazi encokola ne-Independent Media.

Iphondo laseMpumalanga alisenalo iqela elidlala kwaPSL ukusukela oko kwathengwa iMpumalanga Black Aces nguJohn Comitis, wayitshintsha igama yayiCape Town City.

Kukhangeleka ngathi uSukazi uzimisele ukubuyisela iintsuku zolonwabo ephondweni lakhe.

Ukuthengwa kweBloemfontein Celtic kube sematheni emva kokuvakala kweendaba ezithi abasebenzi bayo ababhatelwanga kwinyanga ephelileyo.

“IMpumalanga idinga iqela elidlala kwiPSL kwaye yiTS Galaxy elo qela. Andiqinisekanga nokuba ingenzeka ngokukhawuleza na lo nto, kodwa ndiqinisekile iza kwenzeka. Senze izinto ezinkulu iqela liselitsha. Kunyanzelekile ke kubekho into esiyenzayo. Into esiza kuyiqwalasela kukuthetha neCeltic ngoba kunokwenzela ukuba lelinye lamaqela achatshazelwe kakubi lifuthe leCovid-19. Iqela lethu lisibonisile ukuba likulungele ukudlala kwinqanaba eliphezulu. Indlela yokunyukela phezulu kukufumana indawo ephezulu okanye kuthengwe igama leqela eliphezulu,” utshilo uSukazi.

Kungalula mhlawumbi ukuthenga iCeltic ngoba umnikazi wayo uyasokola ngasezimalini.