Umqeqeshi weCape Town City, uEric Tinkler, uthi iqela lakhe lizimisele ukuvala onke amazibuko liqinisekise ukuze i’Orlando Pirates igoduke iphaca emdlalweni wokuqala weMTN8. OkaTinkler ukuthethe oku phambi komdlalo weMTN8 ojongwe ngamehlo abomvu ophakathi kweCape Town City nePirates ngorhatya ngoLwesibini weveki ezayo. Imidlalo yala maqela amabini isoloko inika umdla. Omabini amaqela aza kube esilwela ukuphumelela ukuze aye emdlalweni wesibini umcimbi ucalanye.
UTinkler ufuna kungafakwa gowuli kwiCity xa idlalela ekhaya – kodwa kwelinye icala, unalo ixhala ngoba iPirates iza kube ixhaswa ngabalandeli eCape Town Stadium. “Nokuba idlalela phi iPirates, akukho mahluko ngoba inabalandeli amabinzi. Kodwa ukugcwala kwabantu ebaleni kukhuthaza wonke umntu enze bhetele. Eyona nto endicinga ukuba iza kubaluleka kakhulu emdlalweni wethu kukuqinisekisa ukuba siyavala emva ukuze siye kuyo sinento esingayisebenzisa,” utshilo uTinkler kule veki.
Kubalulekile ukudlala kakuhle kwePirates ngoba izama ukuba liqela lokuqala eliphumelele iMTN8 amatyeli amathathu elandelelana. Kufuneka isebenze ngokuzimisela kakhulu iCity ukuze ikwazi ukubamba abadlali bePirates emva kokubetha iDisciples FC ngamagowuli amane onke emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe eSoweto ngoLwesihlanu ogqithileyo. UTinkler uthi wakhe iqela elinabadlali abakulungeleyo ukuqubisana nokuba leliphi na iqela abajongene nalo.
Emva kokuba ibethe iSuperSport United emdlalweni wokuvula isizini, iPirates iza kuya eKapa ikhuthazekile kakhulu. UJose Riveiro uza kuthembela kubadlali bakhe abayingozi abaquka uSipho Chaine, uPatrick Maswanganyi noRelebohile Mofokeng abancede kakhulu iPirates emdlalweni wokuqala bekhokelwe nguMonnapule Saleng. Okungayingxaki kancinci kwiqela laseKapa kukuba linabadlali abaninzi abatsha abadinga ithuba lokufundana. Eliphumeleleyo linethuba lokuya phambili kwiMTN8.
IMasimanyane ikhuthaza ibhola ekhatywayo kumantombazana ngeenzame zokulwa iGBV