UTinkler ngumqeqeshi omtsha weChippa United

Emva kwemidlalo emithathu, iChippa United seyenze inguqu kwiqela eliqeqeshayo.

UDan Malesela unikwe uphum’aphele liqela likaSiviwe “Chippa” Mpengesi ngoLwesibini ebusuku. Iinguqu ziza emva kokuba iChippa United ifumene inqaku elinye kwimidlalo emithathu kule sizini.

Kudliwanondlebe alwenze kwinkqubo kaRobert Marawa kwisikhululo seSABC phambi kokugxothwa kwakhe – uDan Malesela uthe zikhona iimpawu azibonayo noxa kungekho nto ebhekiswa kuye.

Ngokwenene ukugxothwa kwakhe uMalesela kungqiniwe nguLukhanyo Mzinzi, umphathi weChippa United.

UMalesela ebetyikitye isivumelwano sengqesho seminyaka – kodwa ngelishwa lakhe sikhawuleze saqhawulwa.

“Isigqeba seChippa United sibambe intlanganiso. Injongo kukujonga indlela esiqhube ngayo nezinto esizifunayo. Sineminyaka emihlanu ngoku singathotyiselwa kwiPSL. Lo nto yenza abantu balindele lukhulu kweli qela. Sigqibe kwelokuba simkhulule umqeqeshi, indawo yakhe iza kuthathwa nguEric Tinkler,” utshilo uMzinzi.

UMalesela ugxothwa emva kokuqeshwa yiChippa United emva kokuphela kwesizini ka2017/18. Nakubeni iChippa iphulukene nemidlalo emibini kwemithathu – kodwa kuyabonakala ukuba abaphathi abafunanga kumnika ithuba elide.

UTinkler nguye oza kube exhuzula imikhala xa iChippa United idlala neBaroka FC umdlalo wePSL kwinyanga ezayo.

Ebekhe wathi khebevu ixeshana emva kokubeka phantsi kwiSuperSport United kwisizini egqithileyo.

Yindoda enamava uTinkler eyanceda iCape Town City yaphumelela iTelkom Knockout kwisizini yokuqala.

KwiSuperSport uphumelele indebe yeMTN 8 emva kokuyisa kumdlalo wokugqibela kwiCaf Confederation Cup.

Ezinye iindaba, zithi umdlali wasemva, uJames Okwuosa, uyayishiya naye iChippa United.