UTinkler ufuna ukuyibuyisela kundalashe iCape Town City!

Ubuyele kwiCape Town City kwakhona uEric Tinkler njengomqeqeshi wayo omtsha.

Emva kokushiya iCape Town City kwisizini ka-2016-17, uEric Tinkler ubuyele kuyo ekuqaleni kwale veki. UTinkler, 50, uzibophelele kwiqela laseKapa emva kokugxothwa kukaJan Olde Riekerink ngenxa yeziphumo ezingancumisiyo. Yena uTinkler ubuyela ebholeni emva kokudinga umsebenzi iinyanga eziliqela ukuseka oko wagxothwa yiMaritzburg United ebiyiqeqesha ekuqaleni kwesizini eqhubekayo. Akothusanga ukubuyela kwakhe kwiqela likaJohn Comitis ngoba kulapho uTinkler waphumelela indebe yeTelkom Knockout okokuqala njengomqeqeshi. Uthembise ngokuphumelela ezinye iindebe kwiCity.

“Kundichulumancise kakhulu ukubuyela kwiCape Town City. Ndaqhuba kakuhle kakhulu apha ngo-2016 kwaye ndiseneenkumbulo zezinto esazenzayo. Liqhube kakuhle iqela naphantsi kukaBenni McCarthy ngoba liphumelele indebe yeMTN8. Kodwa ke ngoku, ndibuyile kwaye ndifuna ukuphumelela ezinye iindebe. Inawo amandla okuyenza lo nto iCape Town City,” utshilo uTinkler.

Njengokuba uTinkler efike isizini seyisongwa, akulindelekanga nto kakhulu kuye emidlalweni eshiyekileyo ngaphandle kokuqinisekisa ukuba iCape Town City ibethelela indawo yayo kwiTop 8. Nangani kunjalo, umqeqeshi unezinto afuna ukuzibethelela ebadlalini bakhe abaza kufika phambi kokuqala kwesizini elandelayo. “Sifuna ukuguqula indlela abacinga ngayo abadlali abaza kwiCape Town City. Kufuneka baqonde ukuba iCape Town City ayoleli yokuya kumaqela abhetele ngoba liqela elifuna ukuphumelela iindebe. Abadlali kufuneka beze kuyo benalo nto ezingqondweni zabo,” utshilo uTinkler.

Izinto zamhambela kakubi umqeqeshi ogxothiweyo mhla iCape Town City yabethelwa ekhaya ngo’5-1 ngaMaZulu aqeqeshwa nguMcCarthy – enye yezinto ezabhenca ukungalawuleki kakuhle kwabadlali. Emva kokushiya iCape Town City, uTinkler waphumelela indebe yeMTN8 kwiSuperSport United awayisa kwisigaba sokugqibela seConfederation Cup kwangonyaka omnye.