UTinkler ugxeleshe indebe yeMTN 8

Eric Tinkler, coach of Supersport United and Dean Furman of Supersport United during the 2017 MTN8 Supersport United press conference at PSL Offices, Johannesburg on 11 October 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Umqeqeshi weSuperSport
United, u-Eric Tinkler, ugxeleshe indebe yesibini njengomqeqeshi oyintloko
kwisithuba nje seminyaka emibini. Kunyaka ophelileyo, uTinkler  wanceda iCape Town City xeshikweni iphumelela iTelkom
Knockout kumdlalo eyabetha kuwo iSuperSport United le angumqeqeshi wayo
namhlanje. Phambi kokuqala kwesizini yePSL ka-2017/18, uTinkler wothusa abantu
abaninzi ngethuba enikela umva iqela awalithatha phantsi walibeka phezulu
ekupheleni kwesizini. Eyona nto awayithethayo eyakhokelela ekuhambeni kwakhe
kukuba kwiSuperSport unamathuba wokufumana impumelelo ngakumbi njengomqeqeshi –
akuphelanga nyanga zingaphi, walifumana ithuba lokufumana enye indebe.

ISuperSport
liqela eliqhuba kakuhle kakhulu kwicala lokuqokelela iindebe. Ekupheleni
kwesizini ka-2016/17, Amatsatsantsa aphumelele indebe yeNedbank phantsi
kukaStuart Baxter othathelwe indawo yakhe nguTinkler. Eli lithuba lokongeza
enye indebe ephambili kwibhola yelizwe loMzantsi Afrika – iMTN 8. Amava
kaTinkler awaqokelele ngeentsuku zakhe [zokuqeqesha] kumaqela afana neBidvest
Wits ne-Orlando Pirates azakumnceda kakhulu kumdlalo wale mpelaki xa edibana
neqela eliqeqeshwa nguBenni McCarthy – omnye wabaqeqeshi abalangazelela
impumelelo.

Enyaniswe iCape Town City ayinakujongelwa phantsi emva
kokuklhupha iintshatsheli zale ndebe – iWits. Andiqondi okwenzeke kum
kwawubanalo ifuthe kule mdlalo. Ndingazama ukulungisa iqela, ndenze konke –
kodwa yonke into ixhomekeke ebadlalini. Oyifuna kakhulu le ndebe nguye
oyakuphumelela,” utshilo uTinkler.

Ngokuqinisekileyo,
kungamanandi kuJohn Comitis ukuba angabetha uTinkler kulo mdlalo emva kwendlela
lo mqeqeshi awahamba ngayo kwiqela lakhe. Kodwa yena uTinkler uthi wayiphosa
kwelulibala eyokuqeqesha kwakhe iCity. “Awubambelele entweni enye ebholeni…Uyedlula,
ngoku yonke into ingeSuperSport United nempumelelo yayo,” utshilo uTinkler.