UTinkler ugxeleshe ukubetha AmaZulu avale unyaka!

uEric Tinkler ngumqeqeshi weCape Town City. Umfanekiso: Pedro Mapelo/I’solezwe lesiXhosa

Umqeqeshi weCape Town City, uEric Tinkler, unomnqweno wokubona iqela lakhe livala unyaka lisendaweni ebhetele xa kuvalwa unyaka ka2024. Oku ukuthethe kwiintatheli emva kokuba iCape Town City ibethe iChippa United ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eBuffalo City Stadium, eMonti, kwiiveki eziphelileyo.

Kule sizini, iCity ayidlalanga kakuhle. Lo nto uyivumile umqeqeshi – kodwa wabalula iinguqu ezikhoyo eqeleni lakhe njengomnye woonobangela bokuqhwalela kwalo kwisigaba sokuqala sesizini eqhubekayo. Amanqaku amathathu uwamkele ngovuyo uEric Tinkler watsho ewachaza njengento eza kubuyisa ukuzithemba ebadlalini bakhe njengokuba isizini isondela esiphakathini.

Emva kwemidlalo elithoba kule sizini, iCape Town City ihleli kwindawo yeshumi emva kokuzuza ibathwana lamanqaku alishumi elinanye kuphela emidlalweni elithoba. Yinto engaqhelekanga le kwiqela laseKapa elidume ngokudlala ibhola enomtsalane. Ngaphezulu koko, iCity iqhele ukuba Phakathi kwamaqela aphambili futhi elaziwayo ukuba alibetheki nokuba kunjani na emidlalweni yalo.

“Eyona nto ebalulekileyo kuthi ziziphumo zomdlalo ngaphezulu kwendlela esidlale ngayo,” utshilo uTinkler emva komdlalo obuseMonti. “Ngenxa yendawo embi esikuyo, into ebe siyifuna ngamanqaku kulo mdlalo. Into encomekayo ngokwenziwe ngabadlali bethu kukuba babonakalise ukuzimisela emdlalweni kakhulu. Abadlali balwile kwade kwaphela umdlalo.

“Baye bavuzwa ngokuzama kwabo emdlalweni. Abalulekile amanqaku esiwafumeneyo ngoba aza kufunqula ukuzithemba futhi asincede asisondeze kwindawo esiyifunayo kule sizini,” utshilo uTinkler kutshanje. Emva kokudlala kakuhle emdlalweni ogqithileyo, uTinkler uthe iqela lakhe lincwase ukulwa xa lidibana naMaZulu ukuze livale unyaka likwindawo entle.

“Sifuna iziphumo ezihle xa sidibana naMaZulu ekhaya. Into emnandi kukuba uphumelela kabini uzibone sowusendaweni entle. Isizini yethu ayintlanga ngoba sinabadlali abaninzi abatsha eqeleni. Baye bathathe ixesha ukuze baqhelane ngendlela esenza ngayo izinto. Kodwa ke siyazi ukuba siye sisokole xa kuqala isizini – kodwa siyivale kakuhle. Siyazama ukuyiphepha lo nto – kodwa ke kunzima,” utshilo uTinkler.