UTinkler ulahlile njengomqeqeshi weSuperSport United!

Eric Tinkler, coach of Supersport United and Thuso Phala during the CAF Confederations Cup final Supersport United press conference at Megawatt Park, Johannesburg on 15 November 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Umqeqeshi weSuperSport
United, u-Eric Tinkler, ugqibe kwelokuba alahle njengemqeqeshi weli qela
lebhola ekhatywayo lasePitoli namhlanje. Ukunikezela kwale ndedeba kulandela
uxinizelelo olumandla oludalwe kukuqhuba kakubi kweSuperSport United ukusukela
ekuqaleni kwale sizini ka-2017/18. Amatsatsantsa a Pitori azingqinile iingxelo
ngokuhamba kukaTinkler kwikhasi lomnatha, uTwitter, ngale njikalanga
yanamhlanje. “Ngokwenene siyiSuperSport United FC sifuna ukwazisa ukuba sivumelele
ngokusiqhawula isivumelwano sakhe sengqesho nathi,” itshilo ingxelo yeqela.

UTinkler wafika kwiSuperSport
United kunyaka ophelileyo [engena endaweni kaStuart Baxter oqeqesha iqela
lesizwe lebhola ekhatywayo – iBafana Bafana ngoku] phampi kokuqala kwesizini
eqhubayo esuka kwiCape
Town City

eyayiqhuba kakuhle kwiPremier League ngelithi ukuhamba kwakhe kuphenjelelwa
kukunxanelwa ukukhula njengomqeqeshi. Ekuqaleni izinto zamhambele kakuhle ngoba
wakwazi ukuthatha iqela walisa kumdlalo wokugqibela weCAF Confederation Cup
nangona lingazange lide liphumelele – kodwa wayiphumelela indebe yeMTN 8
kunyaka ophelileyo.

“Ndiyakholelwa
kwelokuba singaziguqula izinto – kodwa lo nto ingenzeka xa kukho ukuzibophelela
kumntu wonke ochaphazelekayo. Ngenxa yokuba andikwazanga ukuyenza lo nto –
ndicinge ukuba ukohlukana kwam nqela yeyona nto ilungileyo. Kudalala ndithetha
nabaphathi beqela ngeziphumo ezibi. Khange ndikholwe xa ndijonga indlela
esidlale ngayo kwimidlalo yethu edlulileyo. Ndilinqwenelela okuhle kodwa iqela,
ndiyavuya ndikwazile ukuphumelela iMTN 8,” uvale ngalo mazwi uTinkler.

Ukuhamba komqeqeshi
kwiSuperSport United akothusanga emva kothotho lweziphumo ezingancumisiyo
kwimidlalo yayo eliqela kule sizini. Kwimidlalo engamashumi amabini anesithathu
yePSL, iSuperSport iphumelele imidlalo emithandathu kuphela kwaye iphakathi
kwamaqela angagawulwa lizembe ekupheleni kwesizini ukuba izinto aziguquki.
UKaitano Tembo, obelisekela-mqeqeshi, uzakubamba kude kuphele isizini
njengomqeqeshi.