UTinkler ulindele iSekhukhune elishica kwiMTN8 Cup

Umqeqeshi weCape Town City, uEric Tinkler, uthi bangavuzwa kakuhle kakhulu abadlali bakhe xa benokuphumelela indebe yeMTN8. Oku ukuthethe kutshanje emva kokuphehlelelwa kweMTN8 yalo nyaka enemali ezizigidi ezilishumi zerandi (R10-million).

Iqela likaTinkler liza kudibana neSekhukhune United emdlalweni ekulindeleke ukuba unike umdla kakhulu ngentsimbi yesithathu emalanga ePeter Mokaba Stadium ngoMgqibelo. Kunyanzelekile iCity iye emdlalweni ithe qwa ngoba ingaxakana neSekhukhune United kowayo.

ISekhukhune iphantsi kwesandla sikaPeter Hyballa waseJamani ofike kwinyanga ephelileyo. “Siyazi ukuba ngeke kube lula ukubetha iSekhukhune emva kokuqhuba kakuhle kwisizini ephelileyo. Inomqeqeshi omtsha futhi oza kwenza izinto ngendlela eyahlukileyo kwesiyaziyo.

“Kunyanzelekile sizimisele emdlalweni ngoba iSekhukhune inabadlali abasemgangathweni ophezulu,” utshilo uTinkler owakhe wayiphakamisa indebe yeMTN8 engumqeqeshi weSuperSport United eminyakeni eyadlulayo.

Umqeqeshi weCity uvumile ukuba ibhaso leMTN8 eliye kwishumi lezigidi zerandi liza kubakhuthaza abadlali bakhe. “Injongo yeqela ngalinye elidlala kwiPSL kukuvala isizini lingaphakathi kwiTop 8.

“Ibhaso lezigidi ezilishumi linika abadlali ithuba lokuvuzwa ngeebhonasi ezintle emva kwemidlalo emine. Kuhle kwicala lam ngoba abadlali babonakalise ukuzimisela ejimini,” utshilo uTinkler nakubeni iqela lakhe liwaqale nzima amalungiselelo ngenxa yesimo sezulu ebe sisibi kwiindawo zaseKapa.

“Amalungiselelo wethu siwenze ebaleni elenziweyo – kodwa kule iveki sikwazile noko ukuzilolonga ebaleni esiliqhelileyo. Amalungiselelo wethu omdlalo weMTN8 ahambe kakuhle nangona indawo yethu yokujimela yonakaliswe ziimvula ezinkulu.

Sineqela elomeleleyo futhi siza kunzinyelwa xa kufuneka sikhethe abadlali abaza kuqala umdlalo,” utshilo uTinkler olahlekelwe nguKhanyiso Mayo obefaka amagowuli. Emva kokuya kwiCR Belouizdad, iCity ilinde enye ifolosi eyifumeneyo.