UTinkler uncoma umsebenzi owenziwe ngabadlali bakhe

Abadlali beCape Town City bevuyela igowili xeshikweni bedlali neKaizer Chiefs Umfanekiso: Backpage Pics

Umqeqeshi weCape Town City, u-Eric Tinkler, uncume olukaBlankethe emva kokuba iqela lakhe lothuse umzi ngokuthi likhuphe iKaizer Chiefs kwiMTN 8.

ICape Town City ibethe Amakhosi ngo’1-0 kumdlalo obuzinyaswe ngamawaka-waka abalandeli eCape Town Stadium izolo ebusuku.

Eli qela laseKapa longeze iingxaki zeChiefs ephulukene nomdlalo wesibini kule veki.

Amakhwenkwe kaTinkler khange aqhelisele zisuka futhi ayifundile iChiefs kakuhle ngoba ayixhaphaze phaya kudonga lwayo lwasemva apho ingaqinanga khona. Iphele imizuzu elishumi yokuqala kwisiqingatha sokuqala ihamba phambili iCity ngegowuli elifakwe nguMatt Sim.

Ukudlala kakuhle kweli qela kumvuyisile lo mqeqeshi kakhulu. “Ngaphandle kwamathandabuzo ndonwabile. Eyona nto ebibalulekile kuthi kukudlala umdlalo obambeneyo. Besisazi ukuba bazakuza kuthi bengxamile – kodwa ndicinga ukuba sidlale kakuhle phaya emva – naye uShuaib Walters udlale umdlalo ophucukileyo ezipalini,” utshilo uTinkler emva komdlalo.

Eli qela laseKapa liya kumdlalo wesibini wolu khuphiswano ukuzithemba kuphezulu kakhulu kwaye noTinkler unethuba lokuphucula indlela iqela lakhe elidlala ngayo kamnandi liphumelele imidlalo yalo.

Kwisiqingatha sesibini yiChiefs ibiwulawula umdlalo – kodwa ayikwazanga kwade kwase kugqibeleni ukugqobhoza kudonga lweCity.