UTinkler unethemba leNedbank Cup

Umqeqeshi we-Orlando Pirates * -Eric Tinkler, ebenomnqweno omnye ngelixa engena ebaleni phambi komdlalo wePSL obuphakathi kwePirates neChippa United ngokuhlwa ngoLwesithathu.

Ebefuna ukubona iqela lakhe liphumelela kwakhona emva kokuba lidlale imidlalo emithathu ngaphandle kwempumelelo kwiPSL. Uphume edanile eNelson Mandela Bay, kuba iPirates iphulukene namanqaku amathathu.

IPirates ibethwe ngamagowuli amabini eqandeni yiChippa. Amagowuli afakwe nguJoseph Molangoane noBuyani Sali.

Impumelelo kulo mdlalo Ibizakuthatha iPirates iyibeke endaweni entle, kodwa ngaphandle kwalo nto Ibiza kwenyusa izinga lokuzithemba kubadlali bePirates phambi komdlalo wePirates weNedbank Cup.

IPirates izakudlala neFree State Stars, eGoble Park, ngentsimbi yesithathu emva kwemini, lo mdlalo ujongwe ngamehlo abomvu ngabantu abaninzi, kwaye kuvakala ukuba amatikiti awo athengiswe aphela.

Akukacaci nokuba iPirates ingakwazi ukugqiba le sizini iphakathi kwamaqela asibhozo aphezulu kwiPSL kule sizini.

Ukuba ingakwazi ukudlulela kumdlalo wamagqibela kankqoyi weNedbank, lo nto ingakhulisa ithemba lokugqiba le sizini iphumelele indebe iPirates.

“Ndinqwenela ukubona iqela lam lidlala kakuhle kwakhona. Ukuqinisekisa ukuba siya kumdlalo ophambi kwamagqibela kankqoyi sisendaweni entle,” utshilo uTinkler phambi komdlalo wangoLwesithathu.

Emva kwalo mdlalo uTinkler ukhale ngendlela elidlale ngayo iqela lakhe.

“Ndiphoxeke kakhulu, ngasemva iqela lam belibonakalisa ububhetye bhetye kakhulu. Asikwazi ukwenza amathuba kwaye asingeni kakuhle kwiindawo ebesifanele ukungena kuzo,” utshilo uTinkler.

Uthe eyonanto ibalulekileyo kukuzama ukulungisa iimpazamo zabo, kuba iqela lakhe lishiyekelwe yimidlalo emibini kuphela kule sizini.

I-Ea Lla Koto yona lizakube liphezulu kuyo izinga lokuzithemba emva kokuba ibambene ngamagowuli amabini neKaizer Chiefs, ngoLwesithathu.