UTinkler ushiywe enomsindo yiTP Mazembe

Rainford Kalaba receives trophy from Kalusha Bwalya, Thulas Nxesi and Danny Jordan as TP Mazembe win the 2017 CAF Confederations Cup Final against Supersport United at Lucas Moripe Stadium in Pretoria, South Africa on 25 November 2017 @Gavin Barker/BackpagePix

Umqeqeshi weSuperSport
United, u-Eric Tinkler, ushiyeke enomsinfo futhi ekhala ngeTP Mazembe
engenambeko emva kokuba iqela lakhe lingakwangazana ukuphumelela izolo. Iqela
laseDemocratic Republic of Congo, iTP Mazembe, liziintshatsheli ezivunyiweyo zeCaf
Confederation Cup emva kokudlala ntanganye ngeqanda neSuperSport United
ebinethemba lokufumana impumelelo eLucas Moripe Stadium ebusuku. Kumdlalo wokuqala,
iMazembe yabetha Amatsatsantsa a Pitori ngo’2-1 eLubumbashi. Umdlalo wayizolo
ubunzima kakhulu – lo nto ibonakele nasebaleni. Usompempe obephethe umdlalo
kuye kwanyanzeleka ukuba akhuphe amakhade abomvu amabini ngenxa yoburhabaxa
babadlali ebaleni. Into ecaphukise abaqeqeshi beSuperSport kukuthukwa nguKabaso
Chongo emva kokukhutshwa ngekhadi elibomvu emdlalweni.

Eli ibilityeli
lesibini uTinkler ezama ukuphumelela iConfederation Cup kwisithuba seminyaka
nje emibini. Ngo-2015 woyiswa ekugqibeleni njengayizoli esaqeqesha i-Orlando
Pirates. Iqela lakhe belinawo amathuba aliqela ekuqoshelisa umdlalo – kodwa alikwazanga
ngoba nayo iTP Mazembe ibizimisele kakhulu. “Besizimisele ukuyiphumelela le
ndebe. Kukho izinto ezenzekileyo namhlanje endicinga ukuba ziyibeka ibala elibi
ibhola yezwekazi le-Afrika,” utshilo uTinkler obethe fixi ngumsindo.

“Ndisazimisele
ukufumana indebe apha e-Afrika – kodwa kukho izinto ezenzekayo futhi ezidakumbisayo.
Namhlanje sigezelwe. Xa siye kwamanye amazwe siyahlonipha, abantu beza apha
bafike bangaziphathi kakuhle. Kufuneka iphele lo nto,” utshilo uTinkler emva
komdlalo.

Ubukho
babadlali abanje ngoReneilwe Letsholonyane akuyincedanga konke konke
iSuperSport United engakwazanga ukuwasebenzisa amathuba ebinawo emdlalweni.

“Ndicinga
ukuba iMazembe isixheshile kwimizuzu elishumi yokuqala emdlalweni. Sithe
sakungena kakuhle emdlalweni zatshintsha kodwa izinto. Sidlale ibhola entle
futhi sisiya phambili. Ewe, siwafumene amathuba – kodwa ngelishwa lethu asikwazanga
ukuwasebenzisa kakuhle,” uvale ngalo mazwi uTinkler.

Umqeqeshi weMazembe,
uPamphile Mihayo, ukuvuyele kakhulu ukuphumelela le ndebe nabadlali bakhe
izolo. “Besidlala neqela elomeleleyo kakhulu, akubanga lula ukufumana ezi
ziphumo,” utshilo uMihayo.

SuperSport United: Williams, Nhlapo (Kekana 46′), Mashamaite, Daniels, Modiba, Furman, Letsholonyane, Phala, Mbule (Nkhatha 81′), Grobler, Brockie (Wome 66′). 
 
TP Mazembe: Gbohouo, Kimwaki, Kiaku, Mpeko, Traore (Asante 74′), Sinkala, Kabaso, Kouame, Kalaba (Elia 60′), Adjei (Mika 64′), Malango.