UTinkler uthi abadlali bakhe bakulungele ukuqubisana neChiefs

Eric Tinkler coach of Maritzburg United during the Absa Premiership match between Bidvest Wits and Maritzburg United 01 February 2019 at Bidvest Stadium Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Namhlanje iMaritzburg
United iya emdlalweni obaluleke kakhulu kuyo. ITeam of Choice iza kulwela
ukubuya namanqaku amathathu emdlalweni we-Absa Premier Soccer League eza kudibana
neKaizer Chiefs, eFNB Stadium, ngentsimbi yesithandathu emalanga namnhlanje. Umqeqeshi
weMaritzburg, uEric Tinkler, uthi amalungiselelo omdlalo ahambe kakuhle kwaye
abadlali bakulungele ngokupheleleyo ukuqubisana neChiefs. Iqela likaTinkler
lihleli ekugqibeleni kwiPSL, ngoku lilwela ukunyukela kwindawo engasentla. Liya
emdlalweni wanamhlanje likhuthazekile emva kokubetha AmaZulu ngo’2-1 kwiveki
ephelileyo.

“Amalungiselelo
womdlalo aqhube kakuhle kakhulu. Umoya wabadlali enkampini uyamangalisa futhi
bakulungele ngokupheleleyo ukuya emfazweni. Xa ulungiselela ukudlala neChiefs,
kufuneka uloyiko ulijule lee kude. Kubalulekile ukukwenza izigqibo ezihle
ngebhola ebaleni. Kweli xesha sikulo ngoku, kubalulekile ukwenza izinto
ngengqiqo. Ndithe ebadlalini kufuneka badlale ibhola bangoyiki ngoba
siyawadinga amanqaku amathathu aza kusisindisa ezembeni,” utshilo uTinkler
ethetha neentatheli phakathi evekini.

Umdlalo uza
kuba nzima kakhulu ngoba iMaritzburg neChiefs zifuna ukuphumelela zombini.
Amakhosi asenalo ithemba lokulwela indebe. Elo themba lenziwa kukuba amaqela
aphezulu asathe gqolo nokulahla amanqaku emidlalweni yawo. Ukuba iqela
likaTinkler lingakwazi ukubetha iChiefs – lo nto ingathetha ukuthi likhona
ithemba lokusinda ezembeni xa kuphela isizini. Mnye kuphela umdlali weTeam of
Choice ongazukwazi ukudlala nguBrian Onyango ngenxa yokonzakala okumehlele
kwisithuba seeveki ezimbini ezidlulileyo.