
Oomakad’ezondana,
Amatsatsantsa A Pitori agoduke ephoxeke kanobom emva kokuhamba phambili ngegowuli elifakwe nguKingston Nkatha.
Impazamo eyenziwe nguReyaad Pieterse – ophume epalini kodwa akayifumana ibhola – inike uLebogang Manyama ithuba lokulinganisa izinto.
Eli nqaku linye lizuzwe
Nangona u-Eric Tinkler ekuqonda ukubaluleka kwenqaku elifunyenwe liqela lakhe – kodwa uthi amanqaku amathathu ebelifanele ngenxa yendlela elidlale ngayo kulo mdlalo. Isiqingatha sokuqala somdlalo silawulwe yiCTC ngokupheleleyo, ingxaki yayo ibe kukungawasebenzisi kakuhle amathuba wayo.
“Ndicinga ukuba besifanelwe yinto engaphezulu kwenqaku elinye kulo mdlalo. Sibasukele kakhulu kwisiqingatha sokuqala futhi khange sibanike thuba lokuphefumla. Ingxaki nje endiyiphawuleyo kukuba abadlali bethu bebengathathi izigqibo ezifanelekileyo phambi kweepali. Impazamo nje enye esiyenzileyo ibanike ithuba lokusohlwaya. Ndiyalamkela inqaku esilifumeneyo, sonke sifuna ukuya kwikhefu sinamanqaku,” utshilo uTinkler izolo emva komdlalo kumabonakude.
Iqela lasePitoli liye kweleNtlanzi linethemba lokubuyisa izitya emva kokubethwa ngo’2-1 kumdlalo wamagqibela kankqoyi weTelkom Knockout ePeter Mokaba Stadium kwiveki ephelileyo. Ibonakele ngathi ingenzeka lo nto kwisigaba sesibini somdlalo ngoba iSuperSport United isidlale kakuhle – kodwa iinzame zayo zipotyakele kwimizuzu yokugqibela. UStuart Baxter ubonakele ephoxeke kakhulu emva komdlalo. Lo mqeqeshi uthe impumelelo ibilifanele iqela lakhe.
“Abadlali bazamile kakhulu, ibe lilishwa nje ukungafumani kwethu amanqaku apheleleyo kulo mdlalo. Ndicinga ukuba isiqalo sethu besisihle kakhulu. Into endiyibonileyo kukuba ibhola besingabelani ngayo kakuhle kulo mdlalo – kwaye naxa sihlasela, besingenzi ngendlela efanelekileyo. Size apha sizazi iindawo ekufuneka sibabethe kuzo emva komdlalo weveki ephelileyo,” utshilo uBaxter emva komdlalo.
UNdlozi ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower FM