UTinkler uvuzwe ngeminyaka emibini emva kokunceda iMaritzburg United

Eric Tinkler of Maritzburg United during the National First Division Playoffs 2018/19 match between Tshakhuma Tsha Madzivhandila and Maritzburg United on the 22 of May 2019 at Thohoyandou Stadium, Limpopo Pic Kabelo Leputu/ BackpagePix

Emva
kokusindisa iMaritzburg United ezembeni kwisizini egqithileyo, abaphathi
bavuselele isivumelwano sengqesho sika-Eric Tinkler ngeminyaka emibini yonke.
UTinkler wagaleleka kwiTeam of Choice kulo nyaka, xa kanye isizini ithe gabhu
esiphakathini – kunzima kakhulu. Wangena endaweni kaMuhsin Ertugral, abaphathi
ababenethemba lokuba uya kwenza umsebenzi ongcono kunoFadlu Davids –
owayengumqeqeshi weqela ekuqaleni kwesizini.

UTinkler uyithathe
wayibeka kwindawo yeshumi elinesihlanu iMaritzburg ekupheleni kwesizini.
Ngokwenza njalo, iqela likaTinkler liye lafumana elinye ithuba lokudlalela
ukugcina indawo yalo kwiPremier Soccer League. Ikwazile ukuyiphumelela yonke
imidlalo yokuxabangela (PlayOffs) iMaritzburg ibetha amaqela adlala kwaNational
First Division afana neRoyal Eagles neTshakhuma Tsha Madzivhandila. Nangona
iMaritzburg United iphulukene nabadlali bayo aphaphambili abafana noMakarine
noNdlovu – kodwa kulindeleke okokuba ibagcine abadlali bayo abaninzi.