UTinkler uzithembile kumdlalo weNedbank Cup

Umqeqeshi we-Orlando Pirates uEric Tinkler unabadlali abaninzi anokukhetha kubo ukulungiselela umdlalo weqela lakhe neMamelodi Sundowns kwisigaba esandulela imidlalo ephambi kwamagqibela kankqoyi.

AmaBhakaniya azakungquzulana neSundowns ngokuhlwa ngoMgqibelo, eLucas Moripe. Lo mdlalo ingaba lithuba lokugqibela lokuba iPirates izibeke ethubeni lokuphumelela indebe kule sizini.

Mnye kuphela umdlali wePirates ongenathuba lokudlala kule mpelaveki, nguLehlohonolo Masalesa othe wabekelwa bucala ngenxa yokufumana ikhadi elibomvu kumdlalo wePirates neCosmos.

ISundowns isenomoya osezantsi emva kokukhiqwa kukhuphiswano lweCAF, ngoLwesithathu. Kodwa indlela abadlala kakuhle ngayo abafana bakaPitso Mosimane izakuba ngumceli mngeni kakhulu kwiPirates, ingakumbi ukudibana kwabadlali abathathu abaziwa njengeCBD.

IPirates iyakwazi ukuphumelela ngoku, le nto iyabonakala kuba ngoku ihleli kwindawo yesithandathu kwiPremier Socccer League. Kwiveki ephelileyo, iPirates ibethe iGolden Arrows ngamagowuli amane kwelinye kumdlalo wePSL. UTinkler unenkolelelo yokuba olu hambo lwaseAtteridgeville izakuba yinto eyahluke kakhulu.

“Intle into yokuba izinga lokuzithemba kubadlali bam liphezulu njengokuba silungiselela ukuya kulo mdlalo, kodwa awuzukubalula nje- ngomdlalo weveki ephelileyo kwaphela,” utshilo uTinkler.

“Ndicinga ukuba sime endaweni entle thina kuba khange sibenamdlalo apha ngempelaveki. Loo nto ithetha ukuba siwujonge ngamehlo abomvu owona mdlalo ubalulekileyo kuthi kule sizini.”

“Lithuba lethu lokuba silwele indebe kule sizini kwaye siyivale ngeqondo eliphezulu,” utshilo uBaxter.

ISundowns ziintshatsheli ezikhuselayo zeNedbank Cup, ngelixa iPirates yona ibiziintshatsheli ngonyaka ka2014.

Abafana bakaPitso ngabo abasesethubeni elihle lokuphumelela i-PSL kule sizini, kwaye bazakufuna ukubuyisa isidima sabo xa bedlala nePirates.

“Sibajongile badlala kakuhle, kwaye bafaka amagowuli, intle loo nto,” utshilo uMosimane. “Banabadlali abakwaziyo ukuhlasela, kwaye basemcimbini.”

Ithemba lePirates uTendai Ndoro kulindeleke ukuba abe yinto ibila kubadlali bangemva.