UTlhopie Motsepe uthath’ iintambo kuyise kwiMamelodi Sundowns

Njengokuba uGqirha Patrice Motsepe eza kuthatha isihlalo njengoMongameli weCaf, unyana wakhe omdala, uTlhopie Motsepe, uza kungena endaweni yakhe njengoMongameli weMamelodi Sundowns. Konke oku kuza kwenzeka kule veki xa uGqirha Motsepe, 59, esonyulwa ngokusesikweni ngoLwesihlanu kwinkomfa yolonyulo eseRabat, eMorocco – apho kulindeke ukuba kuphakanyiswe igama lakhe yedwa. Isigwili sakwaMotsepe sithe (kutshanje) ukuba sonyulwe njengoMongameli weCaf, uTlhopie uza kungena endaweni yaso ngoba ngeke sikwazi ukuthwala iminqwazi emininzi ngaxeshanye.

UGqirha Rejoice Simelane, oyingqonyela yeSundowns, uza kuba lisekela likaTlhopie. “Ukuba ndonyulwe, Ndiza kusuka esikhundleni, unyana wam omdala (Tlhopie) uza kungena endaweni yam,” utshilo uMotsepe, ethetha eSandton kutshanje – apho adize khona izinto ezisemqoka nazimisele ukuzenza xa ethatha iintambo ku-Ahmad Ahmad.

“Intliziyo yam iya kuhlala ikwiSundowns. Ngoba umthetho weCaf uthi uMongameli makangabinanto emdibanisa neqela lebhola ekhatywayo, ndiza kuba ngumlandeli nje weSundowns. Ndiziphosa kuwe iintambo umfana wam,” utshilo uMotsepe.

Abasemfuthweni wolwazi bathi unyana kaMotsepe sele engene waphelela naye kwezoshishino. Emva kwenkxaso uMotsepe ayinikwe yiSafa, iCosafa noMongameli webhola eNigeria – kulindeleke angene endaweni ka-Ahmad Ahmad oxhaywe yiFifa efuna ukonyulwa kwakhona emva kokusikwa iminyaka emibini ngenxa yokophula umthetho wokuziphatha.

Nangona bekulindeleke uMotsepe afumane iivoti ezaneleyo – kodwa iingxelo zithi amadoda abekhuphisana nawo aye abuya umva emva kongenelelo lukaMongameli weFifa, uGianni Infantino, ngethuba ejikeleza e-Afrika kwiiveki ezidlulileyo. Ukungenisa imali, ukuphucula ibhola yamanene namanenekazi, uqeqesho loosompempe, ulawulo oluhle kwiCaf – zezinye zezinto eziphambili kuMotsepe.