UTokyo Sexwale uthetha neenkokeli zebhola eYurophu

UTokyo Sexwale uzakuthetha neenkokeli ezilawula ibhola eYurophu eParis kwilizwe laseFrance namhlanje.

Injongo yolu tyelelo, le ndoda incwase ukuba ngumAfrika wokuqala ukongamela ibhola yehlabathi, kukufumana iivoti nanjengoko engumntu onomnqweno wokungena endaweni kaSepp Blatter njengomongameli weFIFA. Unyulo lwenkokeli yalo mbutho lubekelwe inyanga yesibini kunyaka ozayo.

Oku kwenzeka emva kokuba uSepp Blatter wagqiba kwelokuba ehle esikhundleni emva kokuvumbuluka kwezityholo zobuqhophololo ezibekwe ngamalungu aphezulu eFIFA kwezi nyanga zidlulileyo.

Iphulo likaSexwale lokufumana iivoti lifumene ufungqu emva kokuba umongameli weLa Liga [Spain], uJavier Tebas ethe, lo kaSexwale ngoyena mntu ukulungeleyo ukungena endaweni kaSepp Blatter. “UTokyo ngoyena ufunekayo ngoba akekho ngaphakathi kulawulo lweFIFA.

Kum usifanele esi sikhundla,”uTebas. Le ndedeba ibityelele eMzantsi Afrika izophehlelela i-ofisi yeLa Liga.

Iyakhula inkxaso ayifumanayo uSexwale kweli loMzantsi Afrika emva kokuba abantu abafana noLucas Radebe no-Aaron Mokoena bethe bayalixhasa iphulo.

USexwale uthi, injongo yakhe kukubonisa ihlabathi ukuba nabo abantu abamnyama banazo izakhono zokulawula imibutho emikhulu njengeFIFA. “Nokuba andiphumelelanga, kulungile kum.

Ndifuna isizukulwana esizayo sazi ukuba kwakukho uTokyo,’’ utshilo uSexwale kutshanje. Le ndoda ithi, ikwiphulo lokudibanisa imihlambi eyalanayo kwi-Afrika iphela, kwaye izakuqubisana noJerome Champagne, Gianni Infantino, Bahraini Sheikh Salman Bin Ebrahim Al Khalifa noPrince Ali Bin Al Hussein.