UTokyo Sexwale uzityande igila ngokwenzeka kwiSafa

FIFA functionary Tokyo Sexwale of South Africa speaks during a press conference after the FIFA Council meeting at the Home of FIFA in Zurich, Switzerland, 14 October 2016. EPA/ENNIO LEANZA

Njengokuba kusondela unyulo
lweenkokeli ezintsha eziza kukhokela umbutho olawula ibhola ekhatywayo eMzantsi
Afrika. Kwande ukutsarhana ngamazwi kwabantu ekulindeleke bakhuphisane ngesi
sikhundla. ISouth African Football Association kulindeleke ibambe unyulo kwinyanga
ezayo. UDanny Jordaan, oyinkokeli yalo mbutho ngoku, usiphakamisile kwakhona
isandla sakhe – kodwa ke ngoku kukho igama likaNkosi Mwelo Nokonyane negqala
lomzabalazo uTokyo Sexwale. Kodwa abakhuphisana noJordaan kunokwenzeka ugqatso
lwabo lungahambeli ndawo ngoba kuvele into ethi umntu onelungelo lokuzigqatsela
isikhundla sokongamela kufuneka abe ubambe isikhundla kwiSafa okanye
kumanqanaba wayo iminyaka emihlanu.

Lo nto ivulela uJordaan ngoba
bonke aba basigxeleshileyo esi sikhundla bayakhatywa ngumgaqo-nkqubo. UTokyo Sexwale
ongomnye wabagqatswa uthethe neentatheli kutshanje eGoli – apho athe wazityanda
igila ngokwenzakayo kwiSafa. Le ndedeba ibagxeke kabukhali abantu abathandabuze
ukulungela kwakhe esi sikhundla watsho echaphazela nomba otshisa ibunzi –
ubumbano olunqabileyo. USexwale uthe imeko yebhola ekhatywayo iyafuna
ukuphuculwa. “Umntu ophikayo ukuba ibhola yaseMzantsi Afrika igutyungelwe
ziingxaki akazazi ukuba uthetha ngantoni. Le nto ayikho ngezikhundla. iSafa
ayiloqumrhu lamntu. Umntu ofuna kungathethwa ngeSafa makathenge iqela lakhe
lebhola,” utshilo uSexwale.

ULucas Radebe ngomnye wamadoda
ekucingeleka ukuba unomdla kwisikhundla seSafa – kodwa kukho ukuthandabuza
ngaye ngoba umthetho uyamkhaba nangona esetyenziswa ngulo mbutho kwenye
yeekomiti zawo. USexwale uyigxekile into yokusetyenziswa kwamagqala webhola –
kodwa akhatyelwe ngaphandle ngamanye amaxesha. “Andilambelanga ukuphatha.
Zininzi izinto endizizuzileyo ebomini bam kakhulu. Igalelo lam ebholeni
alinambaliso futhi imbali yam ebholeni iyaziwa. Kudala ndincedisa ebholeni
kwaye ndithi ibhola mayiphume ezingxakini,” utshilo uSexwale.