UTravis Graham uvuselela ikhono lakhe kwiCape Town City

Travis Graham exhagwe ngabaqeqeshi bakhe abatsha. Umfanekiso: Cape town City

Owayefudula
engumdlali we-Ajax
Cape
Town, uTravis
Graham, uza kufumana ithuba lokuvuselela ikhono lakhe lokudlala ibhola
ekhatywayo kwiqela elistsha. UGraham waziswe njengomdlali omtsha weCape Town
City
izolo ngusihlalo
wayo uJohn Comitis. Lo mdlali-siswini wayengumdlali we-Ajax obalulekileyo
kakhulu phambi kokuthotyiselwa kwayo kwinqanaba elingasezantsi (National First
Division) kunyaka ophelileyo. Kwathi ke yakwehlelwa yilo nto iAjax Cape Town, kwanyanzeleka
ukuba ibachithe abanye abadlali bayo kuquka noGraham. Izolo uthe gqi kwiCity –
elona qela litshila phambili ebholeni yaseKapa naseNtshona Koloni.

Ngenxa yokonzakala
kwabadlali abaphambili kwiCape
Town City

abafana noThabo Nodada noRonald Putsche – kuye kwanyanzeleka ukuba umqeqeshi,
uBenni McCarthy, alaqaze ngelizama ukukhangela oyena mdlali onokuncedisa
esiswini njengokuba iqela (lakhe) lixakekiswe yimidlalo yePSL kunye neyeNedbank
Cup. “NguBenni obize uTravin. Bebekhona abadlali ebekunokhethwa kubo – kodwa umqeqeshi
ukhethe ukubiza uTravis ngoba ungumdlali oziphethe kakuhle kakhulu,” utshilo
uJohn Comitis oncokole neKickOff Magazine emalanga izolo.

Akukacaci nokuba umqeqeshi angamsebenzisa na uTravis xa iCity idibana
neMaritzburg United emdlalweni we-Absa Premier Soccer League ngo’15:30 eCape
Town Stadium ngeCawe – kodwa uComitis uthi unethemba lokuba uza kudlala. “Noxa
ukulungela kwakhe ukudlala kungagqibelelanga kodwa sizimisele ukuqinisekisa
ukuba uziqeqesha neqela lethu elidlala kwiMultiChoice Diski Shield iintsuku
ezimbini ukuze akwazi ukudlala ngeCawe. UTravis, 25, ngumdlali ebesisoloko simbeke
esweni. Zange simthathe ekuqaleni kwesizini ngoba sasinabo abadlali aboneleyo
endaweni adlala kuyo. Ndiqinisekile uza kuqhuba kakuhle,” utshilo uComitis.