Emva kokusinda ezembeni kwisizini egqithileyo, uBrandon Truter uxelele amajelo eendaba ukuba iRichards Bay izimisele ukwenza bhetele kakhulu kule sizini. Ngokutsho kwakhe, uSihlalo weqela uJomo Biyela ufuna iRichards Bay ifumane indawo kwiTop 8. Okwangoku kusenzima ukubona kakuhle ukuba ingenzeka na lo nto.
Emidlalweni emithandathu, iRichards Bay ibethwe kabini, yadlala ntanganye kabini kanti iphumelele imidlalo emibini kwisizini eqhubekayo yeBetway Premiership. UTruter uthathe indawo kaVusumuzi Vilakazi ngoba abaphathi befuna umsebenzi ongcono kule sizini. Njengokuba iRichards Bay ilungiselela ukudibana neCape Town City emdlalweni weCarling Knockout Cup, umqeqeshi uthe angavuya umphathi wakhe ukuba bangafumana indebe.
UBiyela uphantsi koxinizelelo emva kokuba efumene inkxaso yezigidi zerandi kwinkampani yabantu abafuna ukubona inkqubela eqeleni. Umdlalo weCarling Cup uza kuqala ngentsimbi yesithathu emalanga eKing Zwelithini Stadium namhlanje. “USihlalo wathi ukuba likhona ithuba lokufumana indebe, angavuya kakhulu ukuba ingafumaneka kule sizini,” utshilo umqeqeshi.
“ICarling Cup nezinye zisinika ithuba lokufumana indebe yokuqala. Xa udlalela indebe, kufuneka ulwele ukuyiphumelela. Yiyo lo nto sikwesi sigaba seCarling Cup ngoku. Amathuba okwenza kakuhle akhona – kodwa kukho uxinizelelo ngoba sithi sodwa KwaZulu-Natal abasekuyo.
“Sinabo kodwa abadlali abakulungeleyo ukwenza umsebenzi,” utshilo uTruter. Emva kokubethwa phakathi evekini, uEric Tinkler uthi iCape Town City iyibeke ngasemva leyo into, ngoku ijonge umdlalo wendebe. “Idlule into yeSundowns. Ngoku masijonge into ezayo.
“Iingqondo zethu sizibeke emdlalweni wethu neRichards Bay. Injongo yethu kukuvala isizini siphakathi kwamaqela amane aphambili – kodwa singavuya xa singafumana indebe eKapa. Sizibhaqa sisemdlalweni obalulekileyo ongasinceda siphumeze iinjongo zethu,” utshilo uTinkler phambi komdlalo onamhlanje.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika