Imbethimanqindi enekamva eliqaqambileyo, uAsemahle Wellem, ibuyela eqongeni kwakhona emva kokuphumelela intshinga yoMzantsi Afrika kutshanje. UWellem ubila esoma ejimini apho alungiselela khona ukudibana nembethimanqindi yaseZimbabwe egama linguFreeman Mabvongwe emlweni wentshinga yeABu SADC engenamntu eOrient Theatre.
Kwinyanga yeDwarha kulo nyaka uphelayo, uWellem ubethe uTinashe Zihove wamwisa kwitumente ebibanjelwe eMonti. Kwakwinyanga enye, uWellem ebezenzele igama ngokubetha uCowin Ray emdlalweni obubanjelwe ePitoli. Phantsi kwegama lakhe ngoku, uWellem uphumelele imidlalo emihlanu kwinqanaba eliphezulu.
Lo nto imenze abephakathi kweembethimanqindi ezinekamva eliqaqambileyo eMzantsi Afrika. Umlo wangempelaveki kaWellem yenye yeendlela zokuzakhela igama nokuqinisa nokulola isakhono sakhe emanqindini. “Ndiziva ndinamandla futhi ndonwabile njengokuba ndilungiselela omnye umlo,” utshilo uWellem waseDuncan Village ethetha kwiBoxing Talk SA kutshanje. Ukusukela ethe waphumelela intshinga yakhe yokuqala, uWellem uthi ubomi bakhe abusafani nakuqala.
“Kumnandi ukubayintshatsheli. Nditsho ndalibona ikamba lam emva kokuphumelela,” utshilo uWellem, osazixakekisa ngemilo engabalulekanga kakhulu okwangoku kuba kungekabikho ndoda efuna ukulwa naye.
Le ndedeba yaseMonti, ezinze kwiphondo laseGauteng iyakuvuyela ukulwela ekhaya. “Indoda endiza kudibana nayo ngempelaveki ilushica kakhulu. Kodwa ke ndiwulungiselele umlo. Ndikwelinye inqanaba ngoku futhi nendlela endilwa ngayo yahlukile ngoku. Ndikulungele ukulwa ngempelaveki. Kumnandi kum ukulwela ekhaya ngoba lo nto inika abantu ithuba lokundibukela kwakhona,” utshilo uWellen encumile.
Njengokuba unyaka sowukekele, okaWellem unomnqweno wokufumana imilo ukuze akhusele intshinga yakhe yoMzantsi Afrika. Phakathi kwamadoda acinga ukuba angalwa nawo kukho uChristian Truter noRowen Campbell. Emva koko ufuna ukuziva amandla koompetha behlabathi emanqindini.
IPirates idibana neentanga zayo namhlanje kwiMTN8, utsho uSage Stephens!