Umdlali siswini weKaizer Chiefs, uKeagan Buchanan, uthi uphuncukile ekonzakaleni kwaye ukulungele ukudlala umdlalo wakhe wokuqala kule sizini yePSL.
UBuchanan ufike kwiChiefs phambi kokuqala kwale sizini ka’2016/17 – kodwa wafika kakubi ekhonkxwe kukonzakala okwamhlasela ngethuba engumdlali weBloemfontein Celtic. Ukuthengwa kwakhe lo mdlali (uBuchanan) kwabonwa nje ngecebo elichanekileyo lokuvala isikhewu esashiywa nguReneilwe Letsholonyane okwiSuperSport United ngoku. Lo mdlali, 25, uyiphose kwelokulibala into yokwenzakala kwakhe – ngoku ufuna into enye: ukunceda Amakhosi azama ukuguqula izinto emva kokuphulukana nomdlalo wokuqala wePSL kule sizini. “Izinto zenzekile ebomini bam – kodwa akukho sizathu sokukhala. Yandithatha ndonzakele iChiefs, kum yinto enkulu kakhulu leyo ngoba ibonisa ukundithemba.
Ndahlelwa lilishwa lokonzakala siziqeqesha, ngoku noko ndinobulumko bokuziphepha iingozi,” utshilo uBuchanan. UBuchanan ufumene umdlalo wokuziqhelanisa nemidlalo ekwinqanaba eliphezulu kwiveki ephelileyo ngethuba iKaizer Chiefs idlala neBidvest Wits kwiMultChoice Diski Challenge. Nangona lo mdlali engekawulungeli ngokupheleleyo umdlalo okumgangatho ophezulu ngenxa yokwenzakala – kodwa uthi ukuba umqeqeshi ufuna angene ebaleni, ukulungele ukuwenza umsebenzi. “Okwangoku andingeke ndiwugqibe umdlalo – kodwa ndingawenza umsebenzi. Akukho ntlungu ndizivayo futhi andiqhwaleli. Kuxhomekeke kumqeqeshi wam ngoku; ukuba ufuna ndidlale – ndizakuyenza lo nto,” utshilo uBuchanan.
USteve Komphela uphantsi koxinizelelo kakhulu emva kwesiqalo esingancumisiyo. Umdlali ofana noBuchanan angayimpendulo kwiingxaki zeChiefs eneefolosi ezingakwazi ukufumana iibhola ezintle ezingakhokelela ekufakweni kwamagowuli. Ekuqaleni kwale veki uKapteni weli qela lasePhefeni, * -Itumeleng Khune, uyibethelele into ethi iingxaki zeChiefs nezisombululo zisemagxeni wabadlali ngoba akukho nto engenziwanga ngumqeqeshi.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?