UTshabalala uyayithengisa iBloemfontein Celtic

Team line up of Bloemfontein Celtic during the Absa Premiership 2017/18 game between Free State Stars and Bloemfontein Celtic at Goble Park, Bethlehem on 14 April 2018 © Frikkie Kapp/BackpagePix

Emva kweminyaka
emithathu enesiqingatha uMax Tshabalala wathenga iBloemfontein Celtic, ngoku kuvakala
iindaba ezithi woyisiwe (yiyo) ngenxa yeendleko eziphezulu ezivuthulula
ipokotho yakhe. Iphephandaba lempelaveki, iSunday Times, licaphule uTshabalala
esithi unethemba lokufumana abantu abanokuyithenga iBloemfontein Celtic ukuze
ihlale ibambe indawo yayo kwibhola yaseMzantsi Afrika. “Ngeke
ndiqinise intloko ndithi akukho bantu abafuna ukuyithenga iCeltic. Kunyanzelekile
ukuba ndikhangele umntu oyakuthi ayiphathe kakuhle. Akuncedi ukuyigcina ndibe
ndibetheka ngokwasezimalini. Kunzima kakhulu kum, eli qela libetha ingeniso
yeshishini lam. Nokuba ngubani oza nesiphakamiso esingcono, kwakunyanzeleka
ukuba ndiyinike ingqwalasela into eza nayo. Ndifuna iCeltic ithengiswe phambi
kokuqala kwesizini entsha,” utshilo uTshabalala.

Kunyaka
ophelileyo, umikazi weFree State Stars, waphantse wayithengisa ngenxa
yokonganyelwa ziindleko ezingaphaya kwamandla. Kodwa uMnu. Mike Mokoena uya
wajika emva kokuba iFree State Stars iphumelele iNedbank Cup ekhatshwe zizigidi
ezisixhenkxe eCape Town Stadium – apho ibethe iMaritzburg United ngo’1-0
kwiveki ephelileyo. Yona iCeltic yaphoswa yiTelkom Knockout ebethwe kuyo
yiBidvest Wits kunyaka ophelileyo.

Kule veki,
uMnu. Tshabalala udibene neenkokeli zamasebe wabalandeli bePhunya Selele ukuze
afumane umkhumba-ndlela. Uvumile kekambe ukuba zikhona iindlela zokufumana
inkxaso kwaye bathetha-thethana neenkampani ezithile nooMasipala ngelizama
ukufumana inkxaso kubo. Iindleko zeqela elidlala kwiPremier Soccer League
zihamba phaya kwizigidi ezine ezinesiqingatha zerandi (R4.3-milllion)
ngenyanga. ICeltic ivale isizini ihleli kwindawo yeshumi elinanye emva
kokuqokelela amashumi amathathu amanqaku kwimidlalo engamashumii amathathu.
Kuthiwa baliqela abantu abanomdla wokuyithenga iCeltic – kodwa baphuma
kwiphondo laseGauteng abanye babo.